Bazimisele ukwenza konke aBafana

ABafana Bafana benze ugxada banyukela phuzulwana ngeendawo ezimbini kumanqwanqwa ehlabathi emva kokukhutshwa kwengxelo yobume bezizwe yiFIFA izolo.

Ngoku uMzantsi Afrika ukwindawo yamashumu amathandathu nesibhozo[68] kwiFIFA, lo gama usayibambe kwindawo yeshumi elinesihlanu. Kulindeleke ezi ndaba zilikhuthaze iqela lesizwe eliseGambia, apho kulindeleke lidlale khona umdlalo wokuzibekela indawo kwi2017 AFCON.

Abadlali bakaShakes Mashaba bathi bazimisele ukwenza konke okusemandleni abo ukuze bafumane amanqaku apheleleyo. Eli qela liqokelele amanqaku amathathu kuphela kwaye amathuba okuya kwi-AFCON athande ukungacaci, kodwa lizimisele ukusebenza kude kubesekugqibeleni.

Lo mdlalo uzakudlalelwa e-Independence Stadium, eBakau, eGambia ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoMgqibelo. Umdlalo wokuqala phakathi kwala maqela abambana ngo’0-0.

Phambi kokunduluka kweBafana Bafana, umdlali weSundowns, uRamahlwe Mphahlele uxelele Isolezwe ukuba bazimisele ukuyibamba itshisa. “Sikwenzile konke ebekufanele sikwenze kumalungiselelo ethu.

Sizimisele kakhulu ukwenza nokuba yintoni ukuze siphumelele. Kunyanzelekile siphumelele futhi masingalahli ithemba ngoba indlela isende. Le midlalo iseleyo singayiphumelela, izinto ziyenzeka ebholeni,” utshilo uMphahlele.

Lo mdlali weDowns ubuyele kwiqela lesizwe emva kokukhathazwa kukonzakala kwisizini ephelileyo.