Sele likulungele ukuqubisana namanye amaqela azakuthi athathe inxaxheba kwiGolden Games iqela elidityaniswe ngabadlali abasuka kumasipala waseNdlambe kunye neMakana.
Eli qela lakhiwe ngokuthi kubanjwe imidlalo e-Oval Ground, eRhini, apho kukhethwe abona badlali bathe batshatshela kunabanye ukuyomela aba masipala kwimidlalo ezakuthi ibanjelwe eHummansdorp kwinyanga ezayo.
Abantu abathi bathathe inxaxheba kule midlalo ngabo baneminyaka eqala kumashumi amathandathu nangaphezulu.
USindi Adam, umanejala wale midlalo kumandla waseRhini, uthe yonke le midlalo iqala kumakhaya abantu abadala, kwaye yenzelwe ukuze bahlale besempilweni.
Uqhube wathi “Kudala sayiqala le midlalo, soze iphele.” Lo ka-Adam uthe basebenzisana kakhulu nebesenze leZemidlalo kunye neleZempilo, nanjengoko belikhona isebe lezempilo ukujonga iiswekile nezinye izinto kubantu abadala phambi kokuqala kwemidlalo.
Kufanele sibakhathalele abantu abadala, kwaye ngale midlalo senza kanye lo nto kuba abahlali emakhaya babe behlutshwa ngabazukulwana utshilo uSindi.
UThembeka Heba noneminyaka engamashumi amathandathu anesine ubudala nongumhlali waseJoza eRhini uthe, le midlalo iyanceda kakhulu kuba sele ifana nozifo zonke kubo.
Uqhube wathi “Ukuba ufike uphethwe ngamadolo okanye ngumvandedwa ukudlala kumenza abengcono.” Uheba uthe, ukuba bekusiya ngokwakhe ngeba kudlalwa yonke imihla.
NoVuyiswa Papu, 60, waseRhini, uthe le midlalo ibaluleke kakhulu kuba inceda nabo bantu bathi baphathwe gadalala ngabazukulwana kunye nabantwana babo emakhayeni abo, kuba xa befika apha balibala yonke lo nto.
Uqhube wathi “Sokuze ndiyeke mna ukudlala kuba ndibonile umntu xa ezibandakanya nezemidlalo uphola engqondweni”.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa