Benni McCarthy: Andisenguye umqheliswa, ndinawo amava ngoku!

Umqeqeshi weCape Town City, uBenni McCarthy, uthi akasakwazi ukulinda phambi kokuqala kwesizini entsha ngoba uziva ehlaziyekile. Umfanekiso: Phando Jikelo/ANA

Umqeqeshi weCape
Town City
, uBenni McCarthy, uziva ekhulile
njengomqeqeshi phambi kokuqala kwesizini entsha ngoMgqibelo xa iqela lakhe lizakube
lidibana neSuperSport United. Indedeba yakwaMcCarthy inikwe ithuba lokuqeqesha
okokuqala kwiPSL nguJohn Comitis kwisizini egqithileyo. Nakubeni iCity yabamba
indawo yesithathu ekupheleni kwesizini yayo yokuqala – kodwa uBenni akaqhubanga
kakubi naye kwisizini yakhe yokuqala ngoba iqela lakhe likwazile ukuzibekela
indawo kwiTop 8 laphinda lajika kumdlalo wokugqibela kwiMNT 8.

UMcCarthy
uya kwisizini entsha enamandla emva kokufunda izinto ezibalulekileyo
ezibalulekileyo kwisini yakhe yokuqala. Lo mqeqeshi uthi abadlali bakhe
bazimisele ngokuthe chatha kunelixa langaphambili. “Emva kwamalungiselelo
wethu, ndingatsho ukuthi ndonwabile kakhulu kunakuqala. Ndinamava ngoku;
andisenguye umqheliswa ngoku. Abadlali basebenza ngokuzimisela okuphindaphindeneyo
kune sizini egqithileyo. Abadlali abatsha esibafumeneyo baliqinisile iqela
kwaye sinabadlali abathathu kwindawo nganye ebaleni,” utshilo uMcCarthy
ngethuba ethetha neentatheli eKapa.

Emva
kokuyiphosa kancinci indebe kwisizini yePSL ka-2017/18, uMcCarthy ufuna iqela
lakhe lidlalele ukuphumelela kuzo zonke iindebe ezikhoyo. “Asifuni ukuza
enkundleni yokuziqeqesha singazimiselanga ukuphumelela. Sisebenza ngokuzimisela
ngoba sifuna impumelelo. Sifuna ukuphumelela yonke imidlalo. Asizimiselanga ukukhetha
imidlalo ethile ngoba asizelanga lo nto apha,” utshilo uMcCarthy.

ICape Town
City
neSuperSport United zidlala umdlalo
wazo wokuqala we-Absa Premier Soccer League ngentsimbi yesithandathu ngorhatya
eCape Town Stadium ngoMgqibelo.