kokubukela abadlali bakhe bengakwazi ukufaka ibhola emnatheni emdlalweni
wayizolo.
ibethe iYoung Buffaloes yaseSwaziland ngo’1-0 kumdlalo weCAF Confederation Cup
obubanjelwe e-Athlone Stadium. Nangona kunjalo, uMcCarthy ushiyeke edidekile
engqondweni yakhe ngenxa yobu-athalala obuthe mbende abadlali bakhe xa bephambi
kweepali. Eli qela laseKapa liye emdlalweni lihamba phambili emva kokuphumelela
ngo’1-0 umlenze wokuqala kumdlalo obuseSwaziland. Izolo ugqibe kwelokuba enze
iingququ kwiqela eliqale umdlalo – kodwa ukungasetyenziswa kwamathuba kakuhle ngabadlali
bekuyingxaki nayizolo.
“Indlela esiphumelele
ngayo ayincumisi, ngungciphu ngciphu. Ukuphumelela ngoo’1-0 yeyona nto
siyaziyo, lo nto iyandicaphukisa ngoba maninzi amathuba esiwafumanayo
emidlalweni. Andiyazi into emandiyenze ngoku. Xa sizilolonga, sichitha ixesha
elininzi sizama ukulola indlela yokufaka amagowuli. Sibanika ithuba lokukhabela
iipali abadlali, sibanike ithuba lokudlala ngebhola siphinde sibakhuthaze ukuba
bazithembe kwiindawo ezibalulekileyo ebaleni – kodwa akude kubekho mpucuko.
Mhlawumbi bafuna ndibabonise indlela yokufaka amagowuli,” utshilo uBenni
McCarthy owazenzela igama kwiBafana Bafana.
Nakubeni kunjalo,
uMcCarthy uthi uzakuthi gqolo ezama iindlela zokuqubisana nengxaki yabadlali
bakhe kwaye yena neqela bazimisele ukuyidlala ngokuzimisela imidlalo yeCAF
Confederation Cup. “Kube kuhle ukwenza iinguqu ngoba abadlali abangafumani
ithuba lokudlala balifumene. Kwimidlalo enje, yeyona bazibonakalisa kuyo.
Imidlalo yeCAF ibalulekile ngoba simele ilizwe lonke. Siyithathela ingqalelo
kakhulu futhi sizimisele kakhulu ukuya phambili. Ewe, ibakhona ingxaki yemali
kwimidlalo enje ngenxa yeendleko – kodwa ndinalo ithemba, iqela lakuzama ukuze
siye kwimijikelo elandelayo,” utsho uMcCarthy.
ICitizens yamkela
iBidvest Wits kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ngentsimbi yesithandathu
emalanga e-Athlone Stadium ngoMgqibelo. Lo mdlalo uza kunika umdla kakhulu
ngoba iCity ibethe iWits ngo’1-0 kumdlalo weNedbank Cup kutshanje. Amakhwenkwe
kaGavin Hunt azakuya eKapa enento enye ezingqondweni zawo: ukuziphindezela
kwiCity. Kwimidlalo emine edlalwe ngala maqela, iCity iyiphumelele yonke loo
midlalo. Kwelinye icala iWits izama ukuqokelela amanqaku ukuze inyukele phezulu
emva kokutsala nzima ixesha elide kule sizini ka-2017/18.
Ithuba lokufunda ukuqhuba kwabakhubazekileyo baseAmathole