“Besidlalela nina bantu baseMzantsi Afrika” – utsho uDu Toit!

UPieter-Steph du Toit wokugqibela wetumente yehlabathi obuphakathi koMzantsi Afrika neNew Zealand ebusuku ngoMgqibelo odlulileyo eStade de France, eParis. Umfanekiso: Springboks/Facebook

Emva kokuba AmaBhokobhoko ethathe iNdebe yeHlabathi ebusuku ngoMgqibelo odlulileyo, uPieter-Steph du Toit uthe abakwenzileyo bakwenzele abantu baseMzantsi Afrika. AmaBhokobhoko aguqise phantsi iNew Zealand ebisoyikwa ngo’12-11 emdlalweni wokugqibela weNdebe yeHlabathi obubanjelwe eStade de France, eParis. Ukuphumelela kweSpringbok kubonwabise kakhulu abantu baseMzantsi Afrika abebedibene kwiindawo ngeendawo elizweni lonke.

Okuthe kwenza impumelelo yoMzantsi Afrika yanencasa kakhulu: kukubetha iNew Zealand nokuphumelela iNdebe yehlabathi isihlandlo sesine – into ebisenzeka okokuqala embalini yombhoxo wehlabathi. Amanqaku ophumelele ngawo uMzantsi Afrika onke afakwe nguHandre Pollard ongene endaweni kaMonie Libbok osedyongo. UPieter-Steph du Toit lelinye lamajoni athembekileyo ancede uMzantsi Afrika kwitumente yehlabathi yalo nyaka.

Emva komdlalo wokugqibela, uDu Toit unikwe iwonga loyena mdlali othe waqaqamba. Khange kothuse oko ngoba ebengomnye (uDu Toit) wabadlali basemva abadlale ngokuzinikela okukhulu. “Kuliwonga elikhulu kuthi ukudlalela nina bantu baseMzantsi Afrika. Ndiyazi ukuba niza kusamkela ngezandla ezifudumeleyo. Enkosi kuye wonke umntu osixhasileyo,” utshilo uDu Toit emva komdlalo obunzima kakhulu eParis.

“Yinto enkulu kakhulu ukudlalela AmaBhokobhoko. Ibinzima kakhulu imidlalo emithathu yokugqibela. Yonke loo midlalo besiyithatha njengeyokugqibela. Yonke siyiphumelele ngenqaku elinye (New Zealand, Ngilane neFrance). Isonwabise kakhulu impumelelo esiyifumene namhlanje,” utshilo uDu Toit. Omnye wabadlali abangakwazanga ukuzibamba ngenxa yemincili emva komdlalo ibe nguDamain de Allende.

“Umdlalo ubunzima kakhulu. Andikakholelwa nangoku ukuba siphumelele. Bekunzima kuthi kule midlalo emithathu egqithileyo. Idlale kakuhle iNew Zealand – kodwa ndicinga ukuba iziphumo zisibeke endaweni entle kakhulu,” utshilo uDe Allende. Naye u-Ox Nche waleke umsundulo ngelithi: “Indlela endiziva ngayo ayithetheki ngenza yabadlali esinabo kwiSpringbok.” AmaBhokobhoko aza kugaleleka eMzantsi Afrika kusasa ngentsimbi yeshumi ngomso.