Bezikhamana nyhani kwitumente yeBuffallo City Municipality

Amaqela adlala ibhola yomnyazi ngethuba ekhuphisana kwiBuffalo City Mayoral Cup namhlanje eBuffalo City Stadium. Umfanekiso:Pedro Mapelo

Lo ngumhla omkhulu kwilizwe loMzantsi Afrika! Ngo-1976 kwabulawa abantu abaliqela ngurhuluemnte wenkohlakalo owawucinezele abantu abamnyama abadikwa yeyokosa bathi phantsi ngokufundiswa ngolwimi lwesibhulu. Zininzi izinto ezithi zenziwe kwilizwe lonke jikelele xa kubhiyozelwa umsebenzi owenziwa sisizukulwana sika’76. Yena umasipala waseBuffalo City usingathe itumente enkulu kakhulu namhlanje ebizwa ngokuba yiBuffalo City Metro Municipality Mayoral Cup. Injongo yokwenza oku ibikukubhiyozela olu suku – kodwa kwangaxeshanye kuphuhliswa izakhono zolutsha kwicandelo lemidlalo.

Pedro Mapelo's photo.

Ulutsha lwaseBuffalo City Municipality luye lwafumana ithuba lokukhuphisana kwibhola ekhatywayo, kumbhoxo, kwibhola yomnyazi, kwiVolley Ball nasemanqindi. Nangona bekungekho nzuzo ingako kwabaphumeleleyo – kodwa okumnandi kule tumente kukuba amaqela aphumeleleyo ngawo azakumela lo masipala kwimidlalo kaSalga ezakuthi idlalwe ungaphelanga lo nyaka. Yonke imidlalo kule tumente idlalwe kakuhle futhi ngokukhulu ukuzimisela. Ilelo nelo iqela belilwela indawo yalo. Ibikokokuqala umasipala eququzelela itumente enkulu njengale yanamhlanje kwaye uzimisele ukuqhubela phambili nayo nakwiminyaka ezayo.

“Le yitumente yokuqala ebizwa ngokuba yiMayors Cup. Amaqela ngokohlukana kwemidlalo yawo athe afumana ithuba lokukhuphisana. Onke amaqela athe aphumelela kule midlalo ibilapha azakumela iBuffallo City Municipality kwimidlalo kazwelonke kaSalga. Ibaluleke kakhulu kuthi le tumente ngoba imidlalo likhonkco lokuhlanganisa abantu. Le yindlela yokuqokelela ulutsha ukuze lukwazi ukwenza izinto ezintle,” utshilo uXola Phakathi, usodolophi.

Kwibhola ekhatywayo kuphumelele iDuncan Village FC ebethe i-East London FC ngo’2-0 kumdlalo wamagqibela kankqoyi obuvutha bhe eBuffalo City Stadium emalanga namhlanje. Eli qela laseDuncan lilo eligqugqisayo eMonti iphela ngoba liyikhusele okwesibini le ndebe eliyizuze namhlanje. Umqeqeshi wale Duncan, uThobela Khimbinca, ubancomile abadlali bakhe watsho esithi bancedwe kukungavuleli amagowuli kwakwimidlalo yokuqala.

Pedro Mapelo's photo.

Emanqindini lishumi elinanye lonke leembethi manqindi eziphumeleleyo kwimilo yazo nezizakuthi zimele iBuffalo City kwimidlalo kazwelonke. Kwakhona liqela lomnyazi (Netball) laseDuncan Village eliphumeleleyo nakumbhoxo ngokunjalo likhona eliphumeleleyo.