Bhongolethu Jayiya: Ibiliphupha lam ukudlalela iKaizer Chiefs!

Bhongolethu Jayiya of Cape Town City FC during the Absa Premiership 2016/17 football match between Cape Town City FC and Chippa United at Athlone Stadium, Cape Town on 3 April 2017 ©Chris Ricco/BackpagePix

Umdlali-siswini omtsha, uBhongolethu Jayiya, uthi ukudlalela iqela lebhola ekhatywayo elifana neKaizer Chiefs yayiliphupha lakhe esemncinane. Njengokuba etyikitye isivumelwano sengqesho namhlanje – kuye kufana nokuzalisekiswa kwephupha lakhe. Amakhosi abhengeze lo kaJayiya njengomdlali wawo kwikhasi lonxibelelwano uTwitter namhlanje. Oku kulandele iingxelo ezithe ndii ezithi lo mdlali ufunwa ngamaqela amakhulu afana neKaizer Chiefs, iMamelodi Sundowns ne-Orlando Pirates.

UJayiya udlalele iCape Town City kwisizini ephelileyo – kodwa iye yamkhulula emva kokungavumelani naye kwiingxoxo ezithe zakhokelela ekukhululweni kwakhe. Mithathu iminyaka uJayiya azakuyihlala kwiChiefs. “Ndaqala ukuva ngomdla wayo iChiefs ekupheleni kwesizini yePSL ka-2016/17. Iphupha lam lobuntwana lizalisekisiwe namhlanje kwaye ndonwabile kakhulu. Ndingxamele ukudlala ebaleni kwaye ndizimisele ukulincedisa eli qela ukuze libuyele kwiintsuku zalo zolonwabo,” utshilo uJayiya.

Nangona lo mdlali engayidlalanga yonke imidlalo yeCitizens – kodwa wazenzela imbali ngokufaka amagowuli amathandathu kwimidlalo ayidlalileyo. Eminye yemidlalo awagqwesa kuyo ngulowo wafaka amagowuli amathathu kuwo eyedwa xeshikweni iCity idlala neChippa United kulo nyaka. “Besisoloko sixoxa noBhongo kwezi veki zimbini zidlulileyo. Sithethe neCape Town City kuqala ethe yasinika ingxelo epheleleyo ngalo mdlali. Siye saqwalasela izinto ezithile apha kuye phambi kokumthatha,” utshilo uBobby Motaung kwingxelo ebhaliweyo ekhutshwe yiChiefs.

Pedro Mapelo's photo.

Camaldine Abraw of Kaizer Chiefs challenged by Traore Moussa of Asec Mimosas during the 2016 CAF Champions League football match between Kaizer Chiefs and Asec Mimosas at the FNB Stadium in Johannesburg, South Africa on March 12, 2016 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Ukufika kukaJayiya kulandela ukutyikitywa kwabadlali ababini uTeenage Hadebe obedlalela iChicken Inn noPhilani Zulu obedlalela iMaritzburg United. Kwangaxeshanye, Amakhosi akhulule uCamaldine Abraw obeyifolosi yeli qela kwiisizini ezimbini ezidlulileyo. Nangona iChiefs seyibhengeze abadlali abathathu ukuzothi ga ngoku – kodwa kulindeleke yongeze abanye abadlali phambi kokuvulwa kwesizini entsha.