Bikwani: Ndizakuyisa kwiNFD iTornado FC

Iqela laseMdantsane iTornado FC, liwongwe njengeentshatsheli ze-ABC Motsepe League ngoMgqibelo, emva kokubetha i-Emperors FC ngamagowuli amathathu kwelinye.

ITornado isashiyeke nomdlalo omnye kwiMotsepe, kodwa sele bewuqoshelisile umcimbi kule sizini. Kwaye iTornado iyishiya ngamanqaku amathathu iLion City ehleli kwindawo yesibini. Umdlalo wokugqibela nowokuvala isizini kwiTornado uzakuba ngoMgqibelo xa isamkela i-FC Buffalo, eSisa Dukashe.

Umqeqeshi weTornado, uThobela Bikwani uthi, kuye ingathi liphupha into yokuphumelela iMotsepe eMpuma Koloni, kuba baninzi ababengamqondi ukuba angawenza lo msebenzi.

“Ndihleli iminyaka emine kwiCape Town All Stars, eKapa njengesekela mqeqeshi. Ibilithuba elikhulu kakhulu eli ebomini bam, kuba bendiqala ukuba ngumqeqeshi oyintloko. Ndibulela usihlalo weqela uSiphiwo Nyobo ngokukholelwa kum,” utshilo uBikwani.

“Bekungekho lula ukuza apha, kuba bendingena ezihlangwini zikaJerry Skhosana. Ndingumntu ozithembileyo kwaye, bendiyazi into endiyenzayo.”

ITornado ngoku ijongene nomceli mngeni, wokuya kudlala imidlalo yokulwela indawo kwiNational First Divisini. Le midlalo izakuqala ngomhla weshumi elinesithathu kweyeSilimela, kwaye izakudlalelwa eFree State.

“Sonwabile zezi ndaba, kodwa le nto ithetha ukuba mninzi umsebenzi esijongene nawo, nabantu bajonge ngamehlo abomvu ukuba sizakuqhuba njani na,” utshilo usihlalo weTornado uSiphiwo Nyobo.

“Ndibulela kula maqela besikhuphisana nawo, kuba ukuba ebengekho ngesingafikanga kule ndawo sikuyo. Ndifuna ukuthi kubalandeli beTornado, kwilizwe loMzantsi Afrika jikelele, masihambeni siyokunika abafana inkxaso eBloemfontein. Sifuna iqela lesibini laseMpuma Koloni kwiNFD.”