Blitzbokke zivuyela ukudlalela ekhaya

Ithemba leqela loMzantsi Afrika, iiBlitzbokke, zivuyela ukudlalela ekhaya.

Eli qela lizakuqubisana neRussia, iUSA ne-Australia kwimidlalo kaPool A ngoMgqibelo eKapa. Omnye wabadlali ekulindeleke ukuba badlale indima ephambili nguCecil Afrika.

Lo ka-Afrika nguye obeluncedo kakhulu kutyelelo lweSevens kutshanje eDubai. “Linqabile ithuba lokudlalela phambi kwabalandeli basekhaya. Sileli qela siyayithakazelela lo nto, sibulela nenkxaso esiyifumana ebantwini,” utshilo * -Afrika.

UMzantsi Afrika ubethe iFiji kumdlalo obuseDubai emva kokuphoxeka kwi-Olimpiki, eRio de Janeiro.