Bra’Loyd Sitsheke, silahlekelwe lilungisa ebelihlonipha omdala nomncinane!

Mnumzana uLoyiso Sitsheke, ubengumsasazi woMhlobo Wenene FM, usweleke ngoLwesithathu. Umfanekiso:UWFM

Andazi
nokuba mandiqale ngaphi. Akululanga ukuthetha ngomntu ofana noBhuti Loyiso
Sitsheke ngenxa yomntu ebenguye. Eyona nto eyenza izinto nzima ngakumbi
kukusithela kwakhe kungavakalanga nto ngokugula kwakhe. Kungorhatya
ngoLwesithathu ngezithuba zentsimbi yesixhenxe, ndithe tshe iindaba ezithi
akasekho uBra’Loyd. Ndothuke ndabanda nkca ngoba bendimmamele ephile qete ngoLwesibini
ethetha noMnu. Zolani Bhongco. Kuthe kwakucaca okokuba ngenene uswelekile,
ndancamela emazwini athi: “bekufike imini yokuthathwa kwakhe nguThixo’, umdali
wethu sonke.” Isithonga sokuwa komth’ omkhulu njengoBra’Loyd sityumze
iintliziyo zabantu abaninzi kakhulu ngenxa yezi zizathu: 1. Ebesebenzela Umhlobo
Wenene Fm, esinye sezikhululo zosasazo zoluntu eziphambili eMzantsi Afrika. 2.
Inkqubo yakhe ngoMgqibelo ibilandelwa zizigidi zabantu. 3. Ebengumntu olungileyo
nobaxabisileyo abantu. Eyona nto ebimenza abenomkhoka kukuba ebeyazi indlela
abaphathwa ngayo abaphulaphuli enkqubeni yakhe futhi eyixabisile indawo
ebeyisebenzela. Ebenendlela yakhe ekhethekileyo asebenzisana ngayo nabantu
abaninzi njengokuba ebengumntu wezemidlalo. UBra’Loyd ebengumntu
oqeqeshekileyo. Lo nto ibibhencwa yindlela ebexabise ngayo wonke umntu – nokuba
ukweliphi na inqanaba lobomi. Ukusuka kuBawo uNgumbela ukuya kwiNto kaMpondo –
bangayingqina lo nto. Mhlawumbi ibiyinto yaseSulenkama leyo, kuQumbu – apho
wazalelwa khona.

Ndingumntu
okhule ezimamelela unomathotholo, nangoku kusenjalo. Ufike kuMhlobo Wenene
ngoku sendimdala. Zange kube nzima konke konke ukumlandela ngoba wafika
ngexesha elilungileyo kudingeka abantu abatsha kwicandelo lezemidlalo kuMhlobo
Wenene ngoba wawunexesha elide unabantu abadala. Ukufika kwakhe kwaye
kwangqamana nokufika kwamakhasi onxibelelwano afana noFacebook noTwitter.
Zizinto ezo ezincede abantu abaninzi kakhulu ngeendlela ezahlukeneyo. Yena
ungomnye wabasasazi abambalwa abakwazileyo ukwakha ubuhlobo obuthe baqinisa
umsebenzi wakhe noMhlobo Wenene – ingakumbi kwicandelo lezemidlalo. UBra’Loyd
yindoda enzulileyo ezingqondweni nasezintliziyweni zabantu abaninzi ngoba
ebethobekile kakhulu. Zange ndamva enomsindo naxa kukho into emphazamisayo
emsebenzini wakhe. Nam
ndamazi ngenxa yoMhlobo Wenene – kodwa saqala ukwakha ubuhlobo kuFacebook ngoba
ibingumntu okhuthaza ingxoxo ngemiba ephambili kwezemidlalo. Enye yezinto
endiyifunde kuye kukusebenzisa uFacebook. Abantu abaninzi babicinga uFacebook
liqonga lesilungu. Ndikhumbula ngenye imini esithi: “Yeyi makwedini, musani
ukukhumsha kangaka. Bhalani ngesiXhosa.” Wayethetha ngendlela esasivakalisa
ngayo izimvo zethu enkqubeni yakhe yangorhatya. Wayitsho lo nto ehleka futhi
eqhula ngoba wayesazi okokuba usebenzela isikhululo sesiXhosa. Njengokuba ndaqala
ukusebenzisa uFacebook ngo-2010 (emva kweFifa Wolrd Cup yokuqala eMzantsi
Afrika), ndingazi nokuba kubethw’ abaphi – kodwa inkqubo yakhe yandifundisa indlela
yokumsebenzisa, ukuxoxa yandinika nodumo ngoba ndaye ndaziwa ngabantu abaninzi
enkqubeni yakhe.

Enye into ebalulekileyo
esiyifunde kuye yindlela yokuziphatha kumakhasi onxibelelwano. Zange ndeva
kusithiwa uthethe kakubi kuFacebook ngoba ebechubekile futhi ubomi bakhe
ebebuqoqoshile kakhulu. Njengomntu okwezemidlalo ngoku, nam ndingatsho ndithi
ndicaphule kwiindlela ebesenza ngayo umsebenzi wakhe. Ndadibana naye eSABC,
eGoli, ngomhla wesikhumbuzo sikaMnu. uZingisile Mathiso ongasekhoyo. Emva kwaloo
nkonzo saba lukrozo ukuya esikhululweni soMhlobo Wenene. Noxa sasibaninzi, waye
wakwazi ukuthetha nathi sonke, nganye nganye, elungiselela inkqubo yakhe
kwelinye icala. Ndohlukana naye ndiziva kakuhle okokuba bendidibene nomntu
ofudumeleyo. Kubi ukuhamba kukaBr’Loyd ngoba kushiya isithukuthezi ngoba kaloku
ebengumonwabisi wabantu kwiinkqubo zakhe. Abantu abaninzi abathethe kuMhlobo
Wenene bamchaze njengomntu obenenkathalo futhi obesoloko ekulungele ukunceda
umntu odinga uncedo nanini na. Ndiqinisekile uxolile apho ahleli khona (ngoku) ngoba
usisebenzele isizwe sakhe, usakhile isizwe ngeendlela ezininzi. Icekwa lilele
kuthi thina basaphilayo ngoba yena usityhilele indlela. Ukuba singahlalisana
kakuhle, ngentobeko, ngoxolo nangothando njengoko ebesenza uBra’Loyd, inene
singanelizwe eliphilileyo. Ubuyindoda elungileyo Ntombela, enobuntu futhi
engakhethi mntu – omdala nomncinane. Uphumle ngoxolo side sibonane kwelizayo.
Uyakuhlala ulilitha elikhanyisayo ubusuku nemini ngoba ubusisibane esiphez’
kwetafile ebesikhanyisela wonke umntu.

UPedro Mapelo ngumbhali wezemidlalo kwiphephandaba labantu, I’solezwe lesiXhosa.