Bra’VJ, awukwazi ukuyivumela into embi kangaka!

Pedro Mapelo, umbhali wezemidlalo kwiphephandaba lesiXhosa. Umfanekiso: I'solezwe

Ekuseni
namhlanje intatheli yeSoccer Laduma, uLunga Adams,
isikhumbuze into ebe sesiyilibele. Uxelele iitshomi zakhe kuFacebook ukuba
emsebenzini wakhe kuthiwa makenze la nto wayeyithethile ngomdlalo weNedbank Cup.
Ndatsho ndakhula ukuba kanene wabathembisa ngokuntswayiza (Ukuhambaze oko
kwamanenekazi abonisa ngeembahla zodidi) ukuba abalandeli bebhola abayigcwalisa
iCape Town Stadium. Kwiiveki eziliqela
ezidlulileyo, iPremier Soccer League yabhengeza iCape Town Stadium njengendawo
ezakuthi kudlalelwe kuyo umdlalo wokugqibela weNedbank Cup. Isibhengezo
esenziwa yiPSL saqhwatyelwa izandla nguMzantsi Afrika wonke ngoba isixeko saseKapa
besingalifumani icham lokusingatha imidlalo ngokufanayo neThekwini, iPolokwane
neBhayi ezixhamle amatyeli aliqela.

Yonke lo
nto yeenziwa phambi kwemidlalo emibini. IMamelodi Sundowns yayiza kudlala
neMaritzburg United – kanti yona iKaizer Chiefs yayiza kudlala neFree State
Stars. Indlela yeDowns yayithande ukucaca kwicala lendebe yePSL – kanti yona
iChiefs yayinethemba lokuzixolisa ngeNedbank. Wonke umntu wayenethemba lokubona
umdlalo omkhulu; ophakathi kweChiefs neSundowns – eKapa. Kungenjalo, elinye
phakathi kwamaqela amakhulu lidlale nelinye phakathi kwala mabini
(Andiwadeleli). Wathi ke akujonga indlela athelekiswa ngayo amaqela kwiNedbank –
uLunga Adams wabona ngokufanayo nabanye abantu
wade wenza isithembiso esikhulu kakhulu. Ufana nje nenkukhu esikwe umlomo ngoku,
uthe cwaka emva kokuthi ukuba ibala aligcwelanga ngabalandeli bebhola, uza kuhambaze
esidlangalaleni abonwe ngabantu.

Zange kwenzeke
ngokomnqweno wakhe. Abantu abangena ebaleni baphakathi kweshumi neshumi
elinesibhozo lamawaka (10 000 – 18 000). Inani lalilihle lona – kodwa
ke yayingesiso nesiqingatha senani elimumathwa yiCape Town Stadium. Into
endifuna ukuyithetha kukuba uLunga Adams
wonganyelwa yimincili. Wena ke Bra’Vuyani “VJ” Joni awukwazi ukuyivumela into
embi kangaka yenzeke. Uyakuba nesono. Ukuba uLunga angayekwa ahambe ze eKapa lo
nto iyakuthetha ukuthi kwakuma kwanto ngoba yindoda eyaziwayo futhi ethanda
ukubancitha abanye abantu. Ndimcelela uxolo kubalandeli bebhola. Isithembiso
awasenzayo wasenza enethemba lokuba iChiefs neSundowns zakuhlangabezana
nomnqweno wakhe ngoba zizo ezinomtsalane ebantwini. Makugxekwe iChiefs
neSundowns! Ukuba uyayekwa uLungas antswayize esidlangalaleni, kwakufuneka umnike
ikhefu ngoba ebantwini baza kukhwela phezu kwakhe (Ha ha ha..kufanalekile).

Ndiyacinga ukuba
la genge ayihlasela kweza zikroxo zaseLokishini iya kuphuma yonke – kanti kwelinye
icala, naba wabashiya belila bakuxhelelwa exhukwana. Ndiyacela ke Mhleli
weSoccer Laduma nabaphathi bakho, khanimxolele okanye nimxolisele ephepheni
uLunga kwiveki ezayo. Ndivile ukuba kukho inkampani eseyibeke imali bucaala,
ilungiselela umhla omkhulu. Ha ha ha…kodwa noxa ndinozisi nje, ndiyarhalela
umbona eminciza kwezo zitalato zaseKapa.