Isizini intsha, umfo kaSiya Kolisi ngukapteni omtsha weStormers. Le ndodana, 25, enekamva eliqaqambileyo embhoxweni inikwe umsebenzi omtsha osemagxeni wayo kwiSuper Rugby. Ubomi bukaKolisi butyhile isahluko esitsha kule sizini emva kokuxinga iinyanga eziliqela kwikhono lakhe lombhoxo.
Le ndedeba yawuqala umbhoxo isencinane emva kokuzuza inyhweba kwisikolo sombhoxo eBhayi, yaze emva koko yazibona igaxela isikipa esihlonitshwayo jikelele eseStormers. Isiqalo sakhe khange siqaqambe njengoko kwakulindelekile ngenxa yokukhathazwa kukonzakala – kodwa ngenxa yokunyamezela, ubomi bukaKolisi buye baguquka kancinci.
IStormers sidlale umdlalo waso wokuqala kule sizini phantsi kwesikhokelo sikaKolisi, ngethuba ibetha iBulls ngo’37-24 kumdlalo obuvuth’amalangatya eNewlands Stadium eKapa. Ngokuqinisekileyo, ziziphumo ezinqwenela lo kaKolisi emva kokunikwa uxanduva ngumqeqeshi wakhe uRobbie Fleck. Lithuba elinqabileyo kakhulu eli kumdlali omnyama, ngakumbi othubeleze ebunzimeni.
Nangona kumdlalo wokuqala bekukhona iindawana ezixhalabisayo – kodwa oko kuyamkeleka ngoba abadlali babuya kwixesha lokuphumla kwaye abakaswabuluki kakuhle. “Esi sisiqalo sokhuphiswano olude kakhulu.
Abadlali badlale kakuhle kwaye sijonge phambili, sifumene amanqaku amahle kakhulu. Asikagqibeleli – zikhona iindawo ezincumisayo emdlalweni wethu,” utshilo uFleck. Xa udlala namaqela aseNew Zealand kufuneka uberhabaxa ukuze uphumelele, olo luluvo lukaFleck. Umdlalo wokuqala kaKolisi ubunzima – kodwa ushiyeke onelisekile yindlela ohambe ngayo.
“Bekunzima, ndivuyela isiqalo esihle kodwa. Amalungiselelo wethu phambi kwesizini ebenzima nawo kwaye kwenzeke le nto besiyilungiselele.
Kuninzi ekufuneka sikulungise siliqela nakumdlalo wam ngokunjalo,” utshilo uKolisi.
Yintoni uMthetho oYilwayo weBELA?