CAF Champions League: EZimnyama zilwe kwamdak’ iisali emdlalweni wayizolo

Justin Shonga of Orlando Pirates challenged by Raphael Muduviwa of Platinum during the CAF Champions League match between Orlando Pirates and Platinum at Orlando Stadium, Johannesburg on 08 March 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Iqela
lebhola ekhatywayo laseMzantsi Afrika lilwe kwamdaka iisali ukuze lifumane
inqaku elinye emdlalweni weCAF Champions Leagues. EZimnyama zibambene
ngamagowuli amabini macala (2-2) neqela laseZimbabwe ekuthiwa yiFC Platinum
emdlalweni obutak’ iintlantsi kaGroup B obubanjelwe e-Orlando Stadium izolo
ebusuku. Amagowuli ahlangule i-Orlando Pirates afakwe nguThembinkosi Lorch nefolosi
u-Augustine Mulenga umdlalo usiya ekupheleni. Umdlalo wayizolo uya kuhlala
ukhunjulwa njengeminye yaloo midlalo iPirates ezibonakalise kuyo ukuba iyakwazi
ngokwenene ukulwela indawo eyifaneleyo.

Unozinti weBucs,
uWayne Sandilands, ebematasatsasa kwakwimizuzu yokuqala emdlalweni ngenxa yokuxheshwa
kweqela lakhe yiPlatinum, into ebangele kwanzima kakhulu koogxa bakhe ukudlala
umdlalo odibeneyo. UNever Tigere ubhakuzelise umnatha ngebhola ebethe ku-Alfred
Ndengane emzuzwini wamashumi amabini anesixhenxe kwisigaba sokuqala somdlalo.
URainsome Pavari ufake elesibini emva kokoyisa uNdengane ngamandla phambi
kokuya ekhefini. Ngelo xesha abadlali bePirates bebezama – kodwa iPlatinum ibivale
mba emva futhi iyingozi xa isiya phambili.

Kuye kwanyanzeleka
uMilutin Sredojevic axoze omnye umphini kwisigaba sesibini ngoba iPlatinum
ibisele iwugqibile owayo umsebenzi. Ukhuphe uMusa Nyatama, endaweni yakhe
wafaka uThamsanqa Gabuza obetyhala noJustin Shonga noMulenga ngaxeshanye
phambili. Emva kwemizamo yabadlali bePirates – uLorch ude walifumana igowuli
lokuqala. Kuthe xa kushiyeke imizuzu emithathu kuphele umdlalo, uMulenga ufake
igowuli lokulinganisa. Ngoku iPirates ihleli kwindawo yesithathu kuGroup B, ishiywa
yiHoroya ngenqaku elinye ekunyanzelekileyo iyibethe emdlalweni olandelayo ukuze
iye phambili kwiChampions League.

 

Orlando Pirates: Sandilands, Jele,
Ndengane, Marcelo (Mulenga), Maela, Lorch, Mlambo, Nyatama (Gabuza), Mahachi, Memela,
Shonga.

Amalalela: Mabokgwane, Munetsi, Mobara,
Mabaso, Makola, Mulenga, Gabuza.

FC Platinum: Mhari, Bello, E. Moyo, Maduviwa,
Sadiki (Stima), K. Moyo, Madzongwe, Tigere (Chafa), Kutsanzira, Pavari,
Chikwende (Madhanaga). 

Amalalela: Madhanaga,
Taitamba, Dube, Chideu, Stima, Tizayi, Murwira.