Carling Cup: iMagesi idibana neSundowns etshatshalazeni

Indebe yeCarling Knockout Cup. Umfanekiso: Carling Facebook

Emva kokuthi nqumama kwemidlalo yePSL okwethutyana, abalandeli bebhola ekhatywayo baza kufumana umdlalo ekulindeleke utake iintlantsi. Oku kuza kwenzeka xa kudibana iMamelodi Sundowns neMagesi FC emdlalweni wokugqibela weCarling Knockout Cup ngorhatya (18:00) ngoMgqibelo, eToyota Stadium.

La maqela omabini aya emdlalweni obalulekileyo ezimisele ukuphakamisa indebe emva kokuqhuba kakuhle kakhulu ukusukela ekuqaleni kweCarling Knockout Cup enamaqithiqithi amahle. UManqoba Mngqithi uza kulwela indebe yokuqala njengomqeqeshi onikwe uxanduva ekuqaleni kwale sizini eqhubekayo.

Abadlali bakhe abaninzi bafumene uvavanyo kwiHome of Legends Cup esuka kuyo iSundowns ngempelaveki edlulileyo eGqeberha. Kanti abanye bebedlalela iqela lesizwe. UMngqithi ukugxininisile kutshanje ukubaluleka kokuphumelela yonke imidlalo. “Kubaluleke kakhulu kwiSundowns ukuphumelela yonke imidlalo. Sinabadlali abasemgangathweni ophezulu abalungele nawuphi umdlalo,” utshilo.

Kulo unyaka, iPSL ikhethe ukusa umdlalo wokugqibela wendebe eToyota Stadium. UManqoba uvumile ukuba kumnandi ukudlalela eBloemfontein ngenxa yabalandeli – kodwa uthe ebengakuvuyela ukudlalela eDr Molemela Stadium ngoba yeyona enebala elibhetele. Kwelinye icala, iMagesi FC izimisele ukwenza imbali emva kokuqhuba kakuhle kwiCarling Cup kwisizini yayo yokuqala kwiBetway Premiership.

Nakubeni abantu abaninzi becinga ukuba indebe iza kuthathwa yiSundowns – kodwa wonke uyazi ukuba iMagesi iyakwazi ukulwa. Ukuze ifike kwisigaba ekuso ngoku, iMagesi inyathele amaqela afana nePirates, iRichards Bay neTS Galaxy. “Asibetheki lula”, utshilo uClinton Larsen kutshanje kulindixesha waseGoli.

Ukuthethe oku emva kokusokolisa amaqela amakhulu eSoweto. “Umsebenzi wam njengomqeqeshi kukwakha iqela elidlala kakuhle futhi elinabadlali abadlala umdlalo odibeneyo. Siziguqule iingcinga zabantu abebecinga ukuba amaqela aza kuzihambela kuthi. Senza kube nzima kakhulu ukubethwa ngamanye amaqela,” utshilo uLarsen usecicini lokwenza imbali kwakhona.