Castro: Sifuna ukuyiva inkxaso yabalandeli

Ifolosi yeKaizer Chiefs, uLeonardo Castro, ithi yinkxaso yabalandeli enokuthi inike abadlali amandla okuphumelela emdlalweni wangoMgqibelo umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Kulindeleke okokuba uMzantsi Afrika ume ngxi xa iKaizer Chiefs idibana neOrlando Pirates emdlalweni weAbsa Premier Soccer League ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo eFNB Stadium.

Yintlalisenzeka leyo xa kudibene la maqela ngokuba ngawona anabalandeli abaninzi kunamanye emazantsi weAfrika.

Kwasekuqaleni kweveki, abantu besele beqalile ukwenza amaqashiso ngelona qela eliza kuphumelela umdlalo.

Umdlalo ophakathi kweChiefs nePirates uba ngumba ophambili kwiingxoxo zabantu ezithuthini, kwiindawo zentselo, kwiindawo zabangcakazayo kanti nasemakhayeni amaninzi ngokuba unomtsalane ongummangaliso.

Amakhosi acanjalaliswe kwade kwakabini phantsi kukaGeovanni Solinas – kodwa kulindeleke kubekho ukuguquka kwezinto phantsi kukaErnst Middendorp ngokuba ufuna impumelelo – into enokuthi ibanike amandla abadlali bakhe ngakumbi.

ULeonardo Castro ngomnye wabadlali ekulindeleke ancede iChiefs emdlalweni.

Umdlalo wangempelaveki ufika noko enemibini yedabi lobukhaya ayidlalileyo.

Ithethe ukuthi lo nto ukuqonda ngokupheleleyo ukubaluleka komdlalo iqela lakhe elijongene nawo.

UCastro uthi akoyiki futhi kunyanzelekile iqela liphumelele umdlalo ukuze likwazi ukuvala umsantsa ophakathi kwalo namaqela aphambili kwiPSL.

“Xa siphulukene nomdlalo andikwazi ukulala. Kodwa ke kufuneka siye phambili, singahlali sikhathazekile. Kunyanzelekile siphumelele ngoMgqibelo ngokuba sifuna ukusondela kumaqela aphezulu kwiPSL,” utshilo uCastro kwikhasi lomnatha leChiefs.

Ukudlala nePirates yinto enzima kakhulu. Idlala kakuhle kakhulu kule sizini nakubeni ingakwazanga ukufumana indebe futhi iyibethe ngokuphindeneyo iChiefs kunyaka ophelileyo.

Inkxaso yabalandeli ibonwa nguCastro njengeyona nto eya kuthi incede abadlali beChiefs xa begagana nePirates.

“Sifuna inkxaso yabalandeli. Kufuneka nisixhase kude kube sekugqibeleni emdlalweni. Ukuva intswahla yenu ebaleni kusinika amandla kakhulu thina badlali ebaleni. Idabi laseSoweto ngoyena mdlalo mkhulu kweli lizwe – awukho omnye umdlalo. Andoyiki tu,” utshilo uCastro ethetha nabalandeli.