Chris Nguta: Ukusweleka kukaSifiso yilahleko enkulu

Usozoso wakwaZulu Natal, uSifiso Lungelo Thabethe Umfanekiso: Instagram

UMzantsi Afrika usathe khunubembe emva kokubhubha kukasozoso waKwaZulu Natal ngengozi kwiveki ephelileyo.

USifiso Lungelo Thabethe, 23, usweleke kwiveki ephelileyo emva kwengozi emgubungele ngethuba esenza adume ngazo eD Section, Umlazi.

Iingxelo ithi le ndedeba ibisenza esona sitayile yahluke ngaso kwamanye amadoda aphakamisa iintsimbi ezinobunzima kakhulu. Uye watyibilika, waze akakwazi kakuhle ukuzinza emgangathweni ebeme kuwo ngethuba edlala – kanti kukonzakala kwakhe oko. Emva kokonzakala, waleqiswa esibhedlele – apho waswelekela khona.

Iingxelo zithi uThabethe lo ebengumpondo zihlanjiwe kwi-IFBB Junior World Champion kubunzima obuyi-75kg. Njengendoda ebizimisele kulo mdlalo, uThabethe uwuphakamisele phezulu uMzantsi Afrika kwinqanaba lehlabathi kwaye nogxa wakhe eMpuma Koloni, uChris Nguta, uvumile ukuba le ndoda ibisenza iziqwenga xa iseqongeni kwaye ukusweleka kwayo yilahleko enkulu kakhulu esizweni soMzantsi Afrika.

“USifiso wenza imbali ngokuthi abengusozoso wokuqala omnyama kweli lizwe owaphumelela kwiJunior World Champion kunyaka ophelileyo,” utshilo uNguta, isigantsontso esizakumela uMzantsi kwitumente ezakube iseChina.

“Unembali ke yendlela ebesenza ngayo izinto eqongeni kwaye yinto leyo ebezahlula ngayo kwabanye abantu. Lo mfana ebeyinkuthazo kubo bonke oosozoso abasafufuzayo kwaye ebethobekile. Andizange ndadibana naye ubuso-ngobuso – kodwa imisebenzi yakhe ibimihle kakhulu. UMzantsi Afrika ulahlekelwe ngoba ikamva lakhe beliqaqambe kakhulu. Kubuhlungu ngoba sizakungcwaba iqhawe elingaka ebelibharhamla eqongeni,” utshilo uNguta.

Ukusweleka kwale ndodana kuwushiye uMzantsi Afrika unxunguphele ngokwenene ngoba indlela awonzakala ngayo yayishicilelwe futhi ijikeleziswa kumakhasi onxibelelwano.