Coetzee: Kufuneka siphucule umdlalo wethu

Emva kwenkomfa ebibanjiwe kwiveki ephelileyo emalunga nendlela asebenza ngayo umqeqeshi waMabhokobhoko, * -Allister Coetzee, into ecacileyo kukuba baninzi abagxeki bakhe. Emva kwemidlalo elithoba yovavanyo edlalwe siSpringbok phantsi kukaCoetzee, mine ayiphumeleleyo. Eyona nto ilihlazo kukubethwa kweli qela yiNew Zealand ngo 15 – 57 kutsha nje.

Ngokwengxelo yeSARU, eyona njongo ye-indaba yabaqeqeshi, kuzama ukujonga indlela ezinokusetyenziswa ngumqeqeshi weqela lesizwe ukuze aphucule indlela elidlala ngayo. Iingqonyela nabaqeqeshi bamaqela amathandathu ahamba phambili kwiSuper Rugby, ebephakathi kwabo bebezimase le nkomfa. UCoetzee ugxininisile ukuba kunyanzelekile amaBhokobhoko aphucule indlela yokudlala. Enye into athe basilela kuyo abadlali beli kukukhaba kwabo ibhola.

-Chris Gilili