Umqeqeshi waMabhoko-bhoko, u-Allister Coetzee, uyavuma ukuba iqela lakhe kufuneka lilungise izinto eziliqela phambi komdlalo olandelayo ne-Argentina – kodwa uyakubethelela ukubaluleka kokuphumelela noba kusekho iimpazamo ezilungiswayo.
Oku ukuthethwe nguCoetzee emva komdlalo izolo eMbombela Stadium – apho AmaBhoko-bhoko afumene impumelelo ngokubetha i-Argentina ngo’30-23 kwimizuzu yokugqibela emdlalweni.
Lo mdlalo ibingomnye wemidlalo emine yovavanyo ezakudlalwa nguMzantsi Afrika nelizwe lase-Argentina.
Umdlali weeBoks olithemba kule mihla, uDamian de Allende, wenze ezibukwayo kwakhona lo nto ikhokelele kwimpumelelo ebidingwa kakhulu nguMzantsi Afrika oqhwaywa ngokuphumelela imidlalo ngongciphu emva kovavanyo lwe-Ireland, eBhayi, kutshanje.
UCoetzee, njengomqeqeshi, uzivumile iziphene ezenziwe liqela lakhe – kodwa watsho encoma umsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe ekugqibeleni.
“Kufuneka kubekho into esiyenzayo, asikwazi ukuhlala sibhungca emidlalweni ngolu hlobo. Ndiyithandile indlela esiwuqale ngayo umdlalo – noxa amandla wethu aye ehla phambi kokuphela kwesiqingatha sokuqala nasekuqaleni kwesiqingatha sesibini,” utshilo uCoetzee.
“Sizamile ukudala amathuba ngoBryan Habana ekunxele. Into nje embi kukuba asiwasebenzisanga loo mathuba futhi kuye kwakho iimpazamo ezincinci eziliqela emdlalweni wethu. Indlela esidlale ngayo amashumi amabini emizuzu okuqala emdlalweni iyancomeka. Ndifuna umdlalo onjeya oko. Into endiyithethayo kukuthi izigqibo ezithathwe ngabadlali kwiindawo ezibalulekileyo bezingafanelekanga kwaye nokukhaba kwethu kuyakhalisa. Kufuneka sibenaso isibindi kwixesha elizayo futhi siwasebenzise amathuba. Udonga lwethu emva luyandixhalabisa njengokuba sisiya kula mdlalo useSalta ngoMgqibelo ozayo. Iguqukile i-Argentina ukusukela ngo’2015 kwaye isothusile indlela edlale ngayo. Ikwazile ukusigubengela amatyeli aliqela, kufuneka sifunde kwezo zinto,” utshilo uCoetzee.
Umqeqeshi weePumas [Argentinna], uDaniel Hourcade, uthe ibacaphukisile abadlali bakhe indlela abadlale ngayo yokugqibela yomdlalo.
Lo mqeqeshi woleke ngelithi kumdlalo oseSalta iqela lakhe linethuba lokulungisa iimpazamo.
IBig Brother Mzansi iza kuqala ngoJanuwari