Coetzee: Sidlulile kwizinto ezenzeke ngo-2016!

(l-r) Warren Whiteley, Tendai Mtawarira and Malcolm Marx of South Africa during the 2017 Incoming Rugby Series between South Africa and France at Loftus Stadium, Pretoria on 10 June 2017 @Gavin Barker/BackpagePix

Umqeqeshi weSpringboks, u-Allister Coetzee, abadlali beqela lesizwe nabalandeli bombhoxo nje ngokubanzi – balele bencumile okokuqala izolo emva kwethuba elide iqela labo lingasaqhubi kakuhle kwimidlalo yehlabathi. UMzantsi Afrika uvule ngeyona ndlela incomekayo unyaka embhoxweni ngokuthi ucambalalise iFrance ngo’37-14 kumdlalo obunzima eLoftus Stadium ngokuhlwa kwayizolo.

Lo mdlalo ungachazwa njengeminye yalo midlalo ebekunyanzelekile ukuba kubekho umahluko kuwo emva kokuba umqeqeshi nabadlali bechithe iiveki ezimbini zonke enkampini – apho bebeqweba khona amaqhinga okubuyisela ubunganga beSpringbok embhoxweni. Ngethamsanqa likaCoetzee, abadlali bakhe baye badlala umdlalo ophucukileyo, badlala ngokuzimisela okukhulu baphinda bafaka amanqaku – eyona nto ibalulekileyo kwiqela xa lifuna ukuphumelela imidlalo. Konke oko kwenzekile – kodwa zisekhona iindawo ezisafuna ukulungiswa.

UCoetzee uzamkele iziphumo zomdlalo watsho esithi iqela lakhe lidlule ngoku kwinto ezenzeke kunyaka ophelileyo (ngo-2016). Amabhoko-bhoko alele emgceni amatyeli amane, yona iFrance ilele amatyeli amabini qha. Phambi kwalo mdlalo umqeqeshi weBoks ubophe iqela elingumxube wabadlali abanamava kunye nabatsha – kodwa abanamandla wokwenza umahluko emdlalweni. “Sisivalile ngoku isahluko sika-2016. Le mpumelelo isisa kanye kule ndawo siyifunayo, nditsho ngokwendlela esidlale ngayo emva, xa sihlasela naxasikhaba ibhola,” utshilo uCoetzee emva komdlalo.

Amabhoko-bhoko afumene ithuba lokuyidlakaza iFrance ngethuba kukhutshwa uBrice Dulin ngekhadi elityheli, umqeqeshi uyalithethelela kodwa iqela lakhe. “Umdlalo ngamnye ubanexesha lokutshintsha kwezinto. Singatsho ukuthi ukulala kwayo iFrance emgceni ibekukutshintsha komdlalo,” utshilo uCoetzee.

Ukapteni weBoks, uWarren Whiteley, uvuye kakhulu emva kokuba iqela lakhe lizuze impumelelo okokuqala phantsi kobunkokeli bakhe. “Esi sisiseko esihle kakhulu. Umdlalo wethu ubungagqibelelanga – kodwa ndonywatyiswa kukuphikelela kwethu phaya emva naxa sisiya phambili. Le yimidlalo yovavanyo emithathu, iFrance izakufuna ukuziphindezela,” utshilo uWhiteley.