Dane van Niekerk: Siyathemba asiwuphoxanga uMzantsi Afrika

Abadlali beqela lesizwe leqakamba ngethuba bedlala kwindebe yehlabathi. Umfanekiso: BackpagePix

Ukapteni weqela lesizwe lamanenekazi adlala iqakamba, uDane van Niekerk, uthi bengabadlali bazamile ngako konke okusemandleni wabo ukulibeka phezulu ilizwe labo kwindebe yehlabathi. UVan Niekerk ukuthethe oku emva kokuba uMzantsi Afrika ubethwe yiNgilane ngoothinti ababini kumdlalo obuphambi kowamagqibela kankqoyi wendebe yehlabathi kule veki. Iqela leqakamba leli lizwe leqakamba liqhokre kuqala laze lenza imitsi engamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo kuwe oothinti abathandathu.

Ukufikelela kwala manenekazi kwisigaba esiphezulu kwindebe yehlabathi ziindaba ezincumisayo kakhulu, ingakumbi kwicala lophuhliso lwalo mdlalo – kodwa bona abadlali bophexeke kakhulu ngoba bebezimisele ukuya kumdlalo wokugqibela. “Sixhelekile yinto eyenzekileyo, kodwa ndinebhongo kokwenziwe leli qela,” utshilo uVan Niekerk.

“Sifikelele kwesi sigaba setumente, kodwa ukungafiki kumdlalo wokugqibela yeyona nto ibuhlungu ngoba abadlali basebenze nzima kwaye bebeyifuna indebe yehlabathi. Sibulela wonke umntu osinike inkxaso. Besinqwenela ukwenza ngcono. Siyathemba asiwuphoxanga uMzantsi Afrika,” utshilo uVan Niekerk.

Nangona kukho okokuphoxeka kubadlali, yona iCricket SA iwuqhwabele izandla umsebenzi abawenzileyo. “Akukho mntu wayekhe wacinga ukuba singadlala ngolu hlobo senze ngalo kwindebe yehlabathi. Siyazingca ngabadlali bethu,” utshilo uHaroon Lorgat.

INgilane izakudlala ne-India okanye i-Australia kumdlalo wokugqibela.