De Allende: Siza kugxila kwiimpazamo zethu

Amabhokobhoko aphantsi koxinizelelo emva kokuphulukana nomdlalo wokuqala wovavanyo kutyelelo oluseYurophu.

Amakhwenkwe kaRassie Erasmus abethwe yiNgilane ngo’12-11 kumdlalo obuseTwickenham ngoMgqibelo odlulileyo.

Nangona uMzantsi Afrika uye kwimidlalo yaseYurophu bengekho abadlali bayo abathile – kodwa nguwo obunamandla xeshikweni idlala neNgilane.

Inye into abadlali into abangakwazanga ukuyenza: kukusebenzisa amathuba nokulala emgceni. Ngoku iBoks ilungiselela ukuqubisana neFrance kumdlalo wesibini wovavanyo oza kube ungentsimbi yeshumi ebusuku eParis ngoMgqibelo.

UDamain de Allende, obesebenzisana noDuane Vermeulen, uEben Etzebeth noPieter-Steph du Toit, ngomnye wabadlali abaqhube kakuhle kumdlalo weveki ephelileyo nangona iBoks ingakwazanga ukuzisebenzisa iimpazamo zeNgilane.

Into esekuhleni phambi komdlalo wempelaveki kukuba iqela likaRassie kufuneka libuyise isidima salo ngokuthi libethe iFrance ngoMgqibelo.

Ukuze yenzeke lo nto kufuneka abadlali bazilungise iimpazamo abazenze ngethuba bedlala neNgilane.

Ekuqaleni kwale veki, uDe Allende uthe kukho amanyathelo abawathathayo bengabadlal ajoliswe ekuqinisekiseni okokuba iimpazamo ziyacuthwa.

“Sigxile kwiimpazamo zethu ngoba sifuna ukuzilungisa. Ngoku sizama ukuqinisekisa okokuba indlela esidlala ngayo iyaphucuka xa sidibana neFrance. Indlela esiyilungiselela ngayo imidlalo eseYurophu inomahluko ngoba kukho neemeko ekufuneka siziqwalasele. Zikhona izinto esazifundayo xeshikweni sidlala neNgilane kwinyanga yeSilimela kulo nyaka eKapa. Sizama ukuqinisekisa ukuba umdlalo wethu uyakwazi ukumelana nazo zonke iimeko ukuze sikwazi ukufumana amathuba emidlalweni,” utshilo uDe Allende.