De Sa: Kuninzi okufuna ukulungiswa

Umqeqeshi we-Ajax Cape Town, uRoger De Sa, akonwabanga kwaphela yindlela iqela lakhe elidlale ngayo kumdlalo odlulileyo.

Eli qela laseKapa lidlale ntanganye neBloemfontein Celtic ngo’2-2 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe eCape Town Stadium ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

Lo ngumdlalo wesibhozo i-Ajax ingafumani amanqaku apheleleyo, phofu ukusukela mhla laphumelela iMTN 8 kunyaka ophelelileyo, izinto azisafani. Lo nto ayimphathi kakuhle uDe Sa, ingakumbi kumdlalo ebekubonakala ukuba bebenokuphulukana nawo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iCeltic ihamba phambili ngegowuli elinye. Amagowuli eSiwelele afakwe nguHelings Mhango noThapelo Morena, kanti awe-Ajax afakwe nguToriq Losper noNathan Paulse ofumene ipenela ngomzuzu wokugqibela kwisigaba sesibini somdlalo.

Umqeqeshi we-Ajax ucatshukiswe kakhulu yindlela abadlale ngayo abadlali bakhe basemva. “Siphantse ukuphulukana nawo lo umdlalo,” utshilo uDe Sa.

“Ikwangumdlalo ebekufanele ukuba siwuphumelele thina, kodwa ke ndingatsho ukuba yeminye yalo midlalo ikushiya uphoxekile. Indlela esidlale ngayo phaya emva inike iCeltic amathuba. Ndiyavuma sinabadlali abancinci, kodwa kufuneka singawayeki amaqela azenzele nje. Zininzi izinto ekufuneka sizilungise. Ekugqibeleni siyalamnkela inqaku elinye esilifumeneyo kulo mdlalo,” utshilo uDe Sa obebonakala enxubile.

Nangona i-Ajax ingaphumelelanga, umdlalo wayo ubumhle kwaye ihlasela. USerame Letsoaka, umqeqeshi weCeltic, uthe uyalamkela inqaku elinye alifumeneyo ngoba i-Ajax ibiyiyo ebinamathuba amaninzi.

“Ndingatsho ndithi ndonwabile ngoba bekukho amaxesha apho ibisixakile nyhani i-Ajax. Besinawo amathuba okufaka amagowuli, kodwa iifolosi zethu azikwazanga ukuwasebenzisa,” utshilo.