Ikapteni yeProteas, * -AB de Villiers uvumile emva kokuba bebethwe yiNgilane, ukuba iqela lalapha ekhaya alifanelanga kuba kwindawo yokuqala, kwihlabathi kwimidlalo yovavanyo.
UDe Villiers ukwakholelwa nokuba, mhlawumbi ziphelile iimini zodumo kweli qela, emva kokuba bebethwe zingaphelanga iintsuku ezintathu zomdlalo wovavanyo wesithathu, eWanderers, ngoMgqibelo.
“Ayiselo qela lifanayo kwaphela,” utshilo. “Sisahleli phezulu kumanqwanqwa e-ICC, kodwa le nto ayithethi nto. Indlela esidlala ngayo mva nje, ayonwabisi kwaphela, kwaye kuzakufuneka senze elinye icebo ukuze ibengcono. Asiwuchani kakuhle umdlalo wethu kwezi ntsuku ngokucacileyo.”
UMzantsi Afrika ubusoloko uhamba phambili kumaqela emidlalo yovavanyo kule minyaka ilishumi idlulileyo. Oko bebehleli kwindawo yokuqala, ukusuka ngo-2012 nalapho babetha iNgilane, eLords.
Kodwa into engentlanga, neyinyaniso, kukuba iProteas ayikaphumeleli mdlalo wovavanyo, oko babegqibelise ngokubetha iWest Indies, ekuqaleni konyaka ophelileyo. Ukuza kuthi ga ngoku, iProteas ibethwe kwimidlalo yovavanyo emihlanu, badlala ntanganye kwimidlalo emine. Emithathu kwimidlalo ababethwe kuyo bebedlala ne-India, kwaye baye bakhalaza ngamabala angekho kwisimo esihle, njengento eyathi yachaphazela umdlalo wabo.
Ezinye zezinto ezithe zanegalelo kumdlalo ongaphucukanga kwiProteas, kukuthatha umhlala phantsi kukaJacques Kallis, uGraeme Smith kunye noMark Boucher.
Ukwenzakala kukaDale Steyn noVernon Philander nje- ngabagibiseli abaphambili, nako kulibuyisele umva eli qela.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro