Dean Furman: Sifuna iziphumo ezihle kwi-Africa Cup of Nations

Ben Motshwari with Dean Furman of South Africa during the 2019 TOTAL African Cup of Nations South Africa training at the Steyn City School, Johannesburg on the 07 June 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Iqela lesizwe
loMzantsi Afrika, iBafana Bafana, liza kuvana amandla ne-Ivory Coast emdlalweni
we-2019 Africa Cup of Nations (Afcon) ojongwe ngamehlo abomvu ngecala emva
kwentsimbi yesine (16:30) e-Al Salam Stadium namhlanje. UMzantsi Afrika
uthelekiswe neMorocco, i-Ivory Coast neNamibia kuGroup D – obonwa njengonamazwe
alushica kakhulu. Elinye lamajoni aza kuthembela ngawo uStuart Baxter xa esiya
edabini ngale njikalanga – nguDean Furman. UFurman ngumdlali onamava kakhulu
kwiqela lesizwe futhi ukwazi ngokupheleleyo okulindelekileyo ebadlalini
kwitumente ezinkulu njenge-Afcon. Abadlali bakaBaxter baphantsi koxinizelelo
olumandla emva kokubuya bephaca kwi-Afcon ka-2015 phantsi kwesandla sikaShakes
Mashaba.

UFurman uthi
ixesha lokunconywa ngenxa yokudlala ibhola entle elisekho – into efunekayo
ziziphumo ezihle. “Asifuni kunconywa ngenxa yokudlala ibhola entle, sonele yilo
nto. Xa ndikhumbula into eyenzeka kwilizwe lase-Equatorial Guinea (2015
Afcon), sakwazi ukubamba iAlgeria phantse umdlalo wonke – kodwa zange sibuye
nanto kuloo mdlalo. Lidlule ixesha lokunconyelwa ibhola entle. Sifuna
impumelelo ngoku. Lo nto ithetha ukuthi kufuneka sifumane iziphumo ezihle.
Kufuneka sifumane indlela yokudlala ibhola yethu – kodwa sifumane iziphumo
ezihle kwangaxeshanye. Yilo nto ebalulekileyo kuthi. Sinalo ithuba lokudlulela
phambi kule itumente yalo nyaka. Leyo yinto esiyifunayo. Asifuni kuthetha
kakhulu; sifuna ukuya phambili kwi-Afcon,” utshilo uFurman ethetha neentatheli
kwelaseYiphutha kutshanje.