Deschamps: Ubomi babadlali soze bufane nakuqala

Amadlali belizwe laseFrance bebhiyoza emva kokuphumelela indebe yehlabathii ka-2018 ebisingathwe eRussia Umfanekiso: FIFA Facebook

Itumente yalo nyaka yenye yeetumente zeFIFA ezingasoze zilityalwe.

Ukuphuma kwamazwe amakhulu afana neGermany, iArgentina, iSpain, iPortugal, iMexico namanye kushiye abantu bezibuza umbuzo othi: Yazuba iya kuzala nkomo ni na?

Kwangaxeshanye, ukuqhuba kakuhle kwamazwe afana neBelgium, iCroatia neNgilane – ibe yinto encomekayo kakhulu. Kulo nyaka iFIFA ivavanye ubuchwephesha ekuthiwa yiVAR – inkqubo entsha encedisa oosompempe xa bengaqinisekanga ngezinto ezithile phambi kokuthatha izigqibo.

Isebenze kakuhle; amazwe amaninzi axhamle kwiVAR kwaye ingabugutyula ubuqhophololo ebholeni xa inokusetyenziswa kakuhle ngoosompempe.

Ekugqibeleni, yiFrance eye yazintshatsheli zeNdebe yeHlabathi. Eli lizwe laseYurophu elixhaswe kakhulu ngama-Afrika, liphakamise iNdebe yeHlabathi emva kokubetha iCroatia ebi khokelwa nguLuka Modric ngo’4-2 eLuzhniki Stadium, eMoscow.

Umqeqeshi weFrance, uDidier Deschamps, ongomnye wabantu abambalwa abaphumelele iNdebe yeHlabathi amatyeli amabini – ubalule ukuzinza kweengqondo zabadlali bakhe njengeyona nto elisebenzeleyo iqela lakhe.

Amagowuli ancede iFrance afakwe nguPaul Pogba, uAntiono Griezmann noKylian Mbappe ebunzimeni ngoba iCroatia yayigoloza emdlalweni.

“Umdlalo wethu ubungagqibelelanga. Zikhona izinto esingazenzanga kakuhle emdlalweni – kodwa into ebalulekileyo kukuba abadlali baye edabini belilungele,” utshilo uDeschamps emva komdlalo.

KwiNdebe yeHlabathi, iFrance ayidlalanga umdlalo oxolisayo kuyo yonke imidlalo yayo esixhenxe – kodwa ibisoloko inalo iqhinga lokuphumelela imidlalo yayo.

NguPogba yedwa umdlali owayekhona ngethuba iFrance ibethwa kwindebe yaseYurophu ngo2016 – kodwa nangona kunjalo, uDeschamps ukwazile ukusebenzisa abadlali abatsha.

“Italente yona ayanelanga. Kufuneka iingqondo zabadlali zibe kwisimo esilungileyo ukuze ukwazi ukuqabela iintaba. Ukudlala ngokubambisana kubalulekile, kodwa abadlali abathile bawenzile umahluko. Ukususela namhlanje ubomi babo buza kutshintsha ngoba bazintshatsheli zehlabathi,” utshilo.

Phambi komdlalo, uPogba wathi aliphandlwa kabini. Ngeliphandle wayezama ukuthi iFrance ayinakubethwa kwiYuro nakwiNdebe yeHlabathi amatyeli elandelelana. Kube njalo, futhi ufake igowuli elifezekise iphupha lakhe esakhula.

“Eli yayiliphupha lam ndisemncinane. Ndiyathemba ukuba sibenze baziqhenya abantu. Ndibaxelele oogxa phambi komdlalo ukuba sinemizuzu engamashumi alithoba qha singene kwiincwadi zembali. Ndibaxelele ukuba asikwazi ukuliyeka ithuba elinje.”