Dyaloyi: Thina sizakulwela ukuhlala kwiNFD

Le yiveki ebalulekileyo ebantwini baseMthatha nabaseMpuma koloni ngokubanzi.

Iqela labo elidlala kwiNational First Division, uMthatha Bucks, lidlala umdlalo obalulekileyo kakhulu kule mpelaveki. Amathol’amnyama amkela iHighlands Park kumdlalo ekunyanzelekileyo ukuba awuphumelele ukuze aqinisekise indawo yawo kwiNFD.

Eli qela laseMthatha liphuncukene namanqaku amathathu emva kokwenza impazamo yokuvumela iThanda Royal Zulu ibuyele emdlalweni kumdlalo obuseMhlanga Sports Complex ngoLwesibini emalanga.

Umqeqeshi weBucks, uVelile Dyaloyi, uphoxekile yindlela abadlali bakhe abadlale ngayo, kodwa kwelinye icala uthi uyawuqonda unobangela.

“Khange ndoneliseke ziziphumo zomdlalo ngoba besihamba phambili kwisiqingatha sokuqala. Sidlale umdlalo omhle kakhulu, kodwa saphulukana nawo umdlalo ngomzuzu wokugqibela ngenxa yokulahleka kwengqwalasela ebadlalini bethu. Ndiyayiqonda ke lo nto ngoba la mdlalo kwakufanel’uba udlalwe ngempelaveki. Akululanga ke ukuhlala endaweni enemozulu enjeya iintsuku,” utsho uDyaloyi.

Amathol’amnyama awadinga onke amanqaku kule midlalo mibini ishiyekileyo, kodwa sobe kube lula ngoba iqela adlala nalo kule mpelaveki liyingozi kakhulu.

Ihleli kwindawo yesibini iHighlands Park ngoku, ilandela emva kweBaroka FC ekulindeleke inyukele kwiPSL.

Ukuba iHighlands ayikwazi ukubamba indawo yokuqala, ifuna ukudlala kwimidlalo enika ithuba amaqela afuna indawo kwiPSL.

UDyaloyi uthi akajonganga kwenzelwa nceba ngamanye amaqela ukuze lisinde elakhe ezembeni.

“Amalungiselelo ethu akazutshintsha. Asijonganga amanye amaqela, kufuneka sisebenze nzima kulo mdlalo. Likhona ithemba ngoku. Ndafika le nqanawa igcwele amanzi, kodwa ngoku aphumile,” utshilo uDyaloyi.

Isokole yona iBicks kule sizini, kudwa likhona ithemba ukuba idlale ngokuzimisela kule midlalo mibini iseleyo.

pedro.mapelo@inl.co.za