‘Ebekhuthele, ethanda uphuhliso’

USipho Metula ebengumqeqeshi weqela lombhoxo laseWalter Sisulu University phambi kokubhubha kwakhe ngoLwesibini wale veki Umfanekiso: Uthunyelwe.

Kuziliwe embhoxweni waseMpuma Koloni emva kokusweleka kukaMnu uSipho Metula ngoLwesibini umhla wesibini kule nyanga yeSilimela.

Ngokwengxelo, uMetula undulukele kwelooyisemkhulu emva kokuhlaselwa yingulo enamashumi amane anesithathu eminyaka.

UMetula uyaziwa embhoxweni kwilizwe lonke ngoba ebengumqeqeshi weqela lombhoxo, iWalter Sisulu University (WSU All Blacks), ebidlala phantsi kweFNB Varsity Shield.

Indlela ayakhe ngayo iWSU All Blacks eyaziwa ngokudlala umbhoxo osezingeni eliphezulu namhlanje, lo nto yenye yezinto ezibangele ukubhubha kwakhe kushukumise abantu abaninzi.

Indoda ebibambe indawo yakhe ngethuba engaphilanga, uAkhona Mgijima, imchaze njengomntu obeyithanda imidlalo, igorha ebelizinikele lubeka phambili uphuhliso lwabadlali abasuka kwiindawo ezihlelelekileyo.

“USipho ebeligorha lendoda, umqeqeshi obekhuthele kakhulu futhi elithanda kakhulu uphuhliso, ngakumbi olwabadlali abangathathi ntweni.

Ngethuba engumqeqeshi, ukwazile ukwakha iqela lombhoxo laseWalter Sisulu University eliqala phantsi lade laluqilima.

Ulityhutyhe lonke eli phondo ekhangela abadlali bombhoxo abanetalente abefuna ukubalola ukuze bakwazi ukudlalela iWalter Sisulu University All Blacks.

Konke oko ebekwenza kuba ebefuna ukuvelisa abadlali abaza kuziqaqambisa kwinqanaba eliphezulu embhoxweni weli lizwe.

Umfo kaMetula unikele ngexesha nobomi bakhe waze wazenzela igama embhoxweni ngokuthatha iWSU All Blacks ayise kwiVarsity Shield edlalwa ngamaqela eeYunivesithi zonke zaseMzantsi Afrika.

Ukuwa kwakhe iza kuba liliva elibuhlungu kakhulu kubadlali beqela lonke ngoba bebemhlonipha kakhulu.

Silahlekelwe futhi sixhelekile kukuhamba kwakhe, utshilo uMgijima.

UMetula uyishiya iWSU iphakathi kwamanye amaqela ombhoxo aphezulu eMpuma Koloni.

Nangona iWSU All Black ingakwazanga ukunyukela kwiVarsity Cup emva kokusokoliswa yiMadibaz enyuselweyo kodwa uyishiya idlale umdlalo ophucukileyo kulo nyaka emva kwesizini esongwe ingagqitywanga ngenxa yekhorona.

UMetula, owayekhe wangumdlali oqaqambileyo nakwiqakamba ngeentsuku zakhe zobutsha, ushiya ngasemva iintombi zakhe nabanye azalwa nabo.

Ungcwatyelwe ekhayeni lakhe eXesi.