‘Ebengumntu olungileyo uNdayi’

Umlandeli omkhulu weChippa uZandisile Ndayi uthe wasutywa kukufa

IChippa United iwuvule kakubi unyaka. Eli qela lilahlekelwe ngumlandeli omkhulu – uZandisile Ndayi.

Le ndedeba yakwaNdayi ibizibiza ngegama elithi: Cirha#40. Sisiduko sakhe uCirha – kodwa ngoba ebeyindoda ephila kwezi ntsuku, wakwazi ukuziba ngendlela ekhethekileyo futhi enomtsalane ebantwini abatsha.

UCirha#40 wazalwa ngo’1973, ubomi bakhe ubuchithele ebholeni. Wazazisa kwiChippa ngokuvula ikhasi kuFacebook ukuze abalandeli beChippa bakwazi ukuncokola nokwazisana ngeendaba zayo.

Lo nto uyamdiza ukuba ebengumntu okucingayo. Ngenxa yezinto ezintle azenzele iChippa United, iindaba zokubhubha kwakhe zibakhathazile abalandeli.

I’solezwe lesiXhosa lincokole nabanye babalandeli abaphambili nasebenze nabo ekuqokeleleni ndawonye abalandeli beChippa.

UPam Buwa umchaze ngolu hlobo umfi: “UZandisile ebengumntu onobubele kakhulu. Sadibana naye kuFacebook, ebengumntu oluncedo ngoba ebenolwazi lwezinto zeChippa. Ebendibiza noMdade kuba ndinguMamChirha.”

Yena uSifundo Boltina uthe: “UCirha#40 ndadibana naye emdlalweni owawuphakathi kweChippa neCeltic kwisizini ephelileyo.

Ebengumntu obenxiba izinto zeChippa, lo nto ndandiyithanda ke apha kuye. Saphinda sadibana siye kumdlalo weKaizer Chiefs ngaph’ eFNB Stadium.

Ebeyithanda iChippa United kwaye ibinguye obeqinisekisa ukuba sinxiba izinto zeChippa.”

Inkokeli yabalandeli uNelisa Dyaloyi uthe wadibana noNdayi kuFacebook.

“Ndaqaphela ukuba ngumkhaya wam, lo nto yasenza sasondelelana kakhulu. Izinto zeChippa besiziva ngaye. Lo nto yabonakalisa uthando lwakhe kwiChippa. Ebengumntu olungileyo phakathi kwethu. Sakumkhumbula ngolwazi ebesinika lona. Wayethanda kakhulu uWilliam Twala odlalela iChiefs ngoku. Wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo.” utshilo uNelisa.