Ebunzimeni – kodwa Amakhosi akwazile ukuyikhusela iMaize Cup!

Kaizer Chiefs celebrates lifting the trophy during the 2018 Maize Cup Final match between Kaizer Chiefs and Free State Stars at the James Motlatsi Stadium, Orkney on 14 July 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amalungiselelo
weKaizer Chiefs phambi kokuqala kwesizini entsha afumene amandla emva kokubetha
iFree State Stars ngo’6-5 kumapenela eJames Motlatsi Stadium ngokuhlwa
kwanamhlanje. Kuye kwanyanzeleka ukuba umdlalo utsale uye kumapenela emva
kokuba uphele amaqela ebambene ngo’1-1 ekupheleni kwemizuzu engamashumi
alithoba. ULeonardo Castro ungcangcazelise umnatha ngomzuzu wamashumi amabini
anethoba kwisigaba sokuqala somdlalo – kodwa impazamo eyenziwe yiChiefs
sekuphela umdlalo, inike iFree State Stars ithuba lokubuyela emdlalweni.
Igowuli elifakwe ngu-Eleazar Rodgers liphantse lanyusa izibilini zabalandeli
beChiefs abebephume ngobuninzi babo nakubeni kwiphondo laseMntla Ntshona (North West) bekukho
ingqele eqhaqhazelisa amazinyo.

Kumdlalo wokuqala
iChiefs ibethe lula iBuya Msuthu ngo’2-0. Amagowuli afakwe nguBernad Parker
ongadlalanga kumdlalo wesibini noYusuf Banting osuka kwiqela elidala kwiDiski
Challenge. Umqeqeshi obambeleyo, uPatrick Mabedi, uqale umdlalo ngabadlali
abatsha abaquka uVirgil Vries ezipalini, uKabelo Mahlasela obekade ekhonkxwe
kukonzakala, uLetlhogonolo Mirwa noKhama Billiat obekujongwe kuye kakhulu. IFree
State Stars ingene emdlalweni isebenzisa abadlali abaninzi abadlale emdlalweni
ebethe kuwo iChippa United ngo’3-0 kumdlalo oye waphela kungekho qela
elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Amakhosi angene emdlalweni engxamile – kodwa imizamo
yawo ithintelwe ngunozinti weFree
State
ogama linguBadra
Ali Sangare.

UKhama Billiat
noLeonardo Castro bazamile ukuvuselela umdlalo wabo wangeentsuku zabo
besadlalela iMamelodi Sundowns nakubeni bekungelulanga ukugqobhoza udonga obelakhiwe
ngabadlali beFree
State
Stars. Emva kwemigudu
eliqela ezanywe ngabadlali abafana neHarris Tschilbou ewe phantsi – izinto zilunge
kwimizuzu yokugqibela ngethuba uRodgers efaka ipenela ebengunozala wokuwiswa
komdlali weFree State Stars ebhokisini. Uphelile umdlalo iyinkwa nenkwa. Emva kokukhatywa
kwamapenela aliqela, Amakhosi ade aphumelela ngo’6-5 ayiphakamisa ityeli
lesibini iMaize Cup. Impumelelo iqinisa amalungiselelo weChiefs njengokuba
kusondela isiqalo se-Absa Premier Soccer League ngomhla wesine kwinyanga ezayo.

Free State Stars: Badra Ali Sangare, Nyiko Mobbie,
Bangaly Keita, Rooi Mahamutsa, Patrick Phungwayo, Sithembiso Dlamini, Cesaire
Gandze, Paul Masehe, Sinethemba Jantjie, Siphelele Mthembu, Harris Tchilimbou.

Kaizer Chiefs: Virgil Vries, Erick Mathoho, Daniel Cardoso,
Kgotso Moleko, Willard Katsande, Siphelele Ntshangase, Letlhogonolo Mirwa,
Joseph Molangoane, Kabelo Mahlasela, Khama Billiat, Leonardo Castro.