Amaqela azibaluleyo kwiEastern Cape Rugby Super 14 aza kudibana emdlalweni wokugqibela ojongwe ngamehlo abomvu zizihlwele zabalandeli bombhoxo eMpuma Koloni jikelele. Iqela laseTinarha elisecicini lokwenza imbali, iProgress, linethuba elihle lokukhusela indebe yalo xa lidibana nePE Harlequins emdlalweni ongentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo, eW.J. De Wet Stadium, eDispatch. Ngo-2020, eMonti, iProgress yabetha iSwallows ngo’28-24 emdlalweni owawunzima kakhulu eBuffalo City Stadium – apho yaphakamisa indebe yeSuper 14 okokuqala.
Emva kweminyaka emibini imidlalo yombhoxo ingadlalwa ngenxa yeKhorona, kulo nyaka kuye kwakho isiqabu esinike uluntu ithuba lokuzolula nokubukela amaqela alishumi elinesine abekhuphisana kwiEastern Cape Rugby Super 14 edume ngokuvelisa oomanqanqa babadlali bombhoxo. Amaqela amabini, iProgress neHarlequins, aza kudibana emdlalweni wamagqibelakankqoyi elambele impumelelo nokubhala iincwadi zembali ngokutsha.
Kwiveki ephelileyo, iProgress ifundise umbhoxo simahla i-Old Selbornians evuthululwe ngo’59-10. Kanti yona iHarlequins ibethe ngo’15-12 iSwallows ephise ngomdlalo kwisigaba sesibini somdlalo. Amathuba okuphumelela kweProgress maninzi ngoba idlala umbhoxo ophucukileyo futhi inabadlali abakwaziyo ukulala emgceni. Ngaphezulu kwayo yonke into, amava enawo aza kuyinceda kakhulu xa idibana neHarlequins ezimisele ukwenza imbali nayo emva kwemini ngoMgqibelo.
Kwakufuneka abadlali bayo bazimisele kakhulu ukuze (iHarlequins) ikwazi ukoyisa iProgress efuna ukuphakamisa igama leTinarha – engxamele ukuzibalula njengendawo ehamba phambili embhoxweni kwiphondo leMpuma Koloni. Amadoda ekulindeleke ancede iHarlequins aquka iSive Mazosiwe, Abulele Mbande, uThulani Njenje noNathan Fick. Iqela eliphumeleleyo liza kufumana indebe nemali emva kokuba isebe leZemidlalo ephondweni libinze ngemali esisigidi sonke serandi (R1-million) kwitumente yalo unyaka.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!