Ekugqibeleni, ide yancuma nayo iPeru

Aaron Mooy of Australia (L) and Paolo Guerrero of Peru during the FIFA World Cup 2018 group C preliminary round soccer match between Australia and Peru in Sochi, Russia, 26 June 2018. By: RONALD WITTEK / EPA

Nakubeni ilizwe
lasePeru liphulukene nemidlalo yalo emibini kwindebe yehlabathi – kodwa ligoduka
lincumile ema kuphumelela umdlalo wokugqibela. IPeru izibethele iAustralia
ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) kumdlalo wendebe yehlabathi eFisht Stadium
ngongcwalazi namhlanje. Umdlalo ulawulwe yiAustralia kwasekuqaleni kwawo kwaye
ikwayiyo ebingxamele ukubhakuzelisa umnatha.

Image may contain: 2 people, people playing sports and outdoor

IPeru iqhufuze
iqanda kumzuzu weshumi elinesibhozo kwisiqingatha sokuqala. Igowuli lifakwe
nguAndrea Carrillo ofumene ibhola egotywe ngobuchule ngugxa wakhe uPaolo Guerrero
oyiqabelise ngaphaya kukaMatt Ryan – unozinti weAustralia. Naye unozinti
wePeru, uPedro Gallese, kuye kwanyanzeleka ukuba achithe ibhola ebikhatywe nguMatthew
odlale ibhola entle noRogic noKruse.

Abadlali
bePeru, ebuyele kwindebe yehlabathi emva kwamashumi amathathu anesithandathu
eminyaka, babuyela ekhaya bekhalela ukukhutshwa kwindebe yehlabathi kumjikelo
wokuqala – kodwa ukufumana impumelelo yeyona nto abakufika babalise ngayo. Omabini
la mazwe kaGroup C ayagoduka.