Ekugqibeleni, ide yavuma ukubethwa iBaroka FC

Ryan Moon of Kaizer Chiefs celebrates a goal during the Absa Premiership 2016/17 match between Kaizer Chiefs and Golden Arrows at the FNB Stadium, South Africa on 06 May 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Amakhosi
ajabulile emva kokufumana impumelelo yawo yokuqala kwiBaroka FC. Oyena mdlali
obejongwe ngamehlo abomvu phambi kwalo mdlalo, uLeonardo Castro, ungene
kwisiqingatha sesibini wafaka igowuli elihle lempumenelelo kumdlalo we-Absa
Premier Soccer League iChiefs ebethe kuwo iBaroka FC ngo’2-1 ngale njikalanga
ePeter Mokaba Stadium. URyan Moon ufake igowuli lokuqala leChiefs ephendula
kwigowuli leBaroka elifakwe nguLucky Nguzana phambi kokuphela kwesiqingatha
sokuqala. Ngoku iqela likaSteve Komphela lidlale imidlalo emihlanu ilandelelana
lingaphulukananga nawo nomnye. Nanjengoko bekulindelekile umdlalo ubushushu phantsi
kwalo ngqatsini yelanga kwaye unawo amathuba okufaka amagowuli noxa
engasetyenziswanga ngamaqela omabini. Abadlali beBaroka babonakalise
ukuzithemba okukhulu ebholeni kwaye nendlela abanikelene ngayo ibidiza ukuzithemba
kwabo xa bedlala neChiefs ebiphisa ngebhola kwiindawo ezibalulekileyo maxa
wambi.

Zijikile izinto
kwangoko kwisigaba sokuqala ngethuba uMoon efaka igowuli lokulinganisa. Kwangoko
iBaroka iye yaphazamiseka ngoba iyivumele iChiefs ukuba ize kuyo futhi ingene
kwiindawo eziyingozi. USiphelele Ntshangase ufike wenza ezibukwayo, utyale
iibhola macala onke encediswa nguGeorge Maluleka noWillard Katsande obenqanda
amanzi engena endlini amaxesha amaninzi. URobin Ngalande, uNguzana bayigcine
iChiefs ixakekile phaya emva – kanti yena ukapteni u-Olaleng Shaku wenze
umsebenzi oncomekayo emva noogxa bakhe nangona bengakwazanga ukumthintela
uLeonardo Castro. Amakhosi abenethamsanqa oko esindilile kulo mdlalo emva
kokukhutshwa kukaJoseph Molangoane obethe ngengqiniba umdlali weBaroka
kwisigaba sesibini somdlalo. Lo nto inyanzele abadlali beChiefs ukuba baqinise
umqolo ngoba bebedlala neqela elinabadlali abaninzi ebaleni.

Ukuphumelela
kwayo iChiefs kumdlalo wanamhlanje kuthetha ukuthi ihleli kwindawo yesithathu
inethemba elikhulu lokulwela indebe yePSL. Yona iBaroka iyokuthi folokohlo
kwindawo yesixhenxe emva kokubethelwa ekhaya namhlanje. USteve Komphela
uncumile ngenxa yeziphumo – kodwa kakhulu ngenxa yomsebenzi omhle owenziwe
ngabadlali bakhe abatsha.

Baroka FC : Vries,
Kgoetyane, Banda, Shaku, Mohwatseleng, Mosele, Mdantsane, Chawapiwa, Matloga,
Ngalande, Nguzana.

Amalalela: Madubanya, Motupa, Macha, Masuluke, Lesedi Mapheto,
Makgaka, Kgaswane.

Kaizer Chiefs: Khune, Cardoso, Hadebe, Mathoho, Zulu, Molangoane,
Katsande, Maluleka, Tshabalala, Moon, Páez.

Amalalela: Khuzwayo, Mphahlele, Meyiwa, Zuma, Ntshangase,
Castro, Ngezana.