Ekugqibeleni, uBrockie noLebese bade bakhululeka

UJeremy Brockie okudala efuna ukuhamba, ude walifumana ithuba emva kokubolekiswa ngaye kwiMaritzburg United yiMamelodi Sundowns

Emva kokugqushalaza ixesha elide ngenxa yokunqatyelwa lithuba lokudlala, uJeremy Brockie noGeorge Lebese bade bakhululeka emva kokuvuma kweMamelodi Sundowns ukuba bahambe ngomhla wokugqibela wokubhaliswa nokuthengwa kwabadlali ngamaqela adlala kwiPSL.

Sekulithuba elide uLebese ezama ukuhamba kwiSundowns kunzima. Ngoku uza kufumana ithuba lokuvuselela ikhono lakhe lebhola ekhatywayo kwenye indawo.

ULebese washiya iKaizer Chiefs isaqeqeshwa nguSteve Komphela ngelithi ufuna ukuya kwiqela eliza kumnika ithuba lokudlala.

Izinto azimhambelanga kakuhle kwiSundowns eye yabolekisa ngaye kwiSuperSport United kwisizini egqithileyo, kodwa ngelishwa lakhe, nalapho izinto azimhambelanga kakuhle. Akukacaci ukuba leliphi iqela aza kulidlalela kodwa kulindeleke alifumane ingaphelanga inyanga.

Naye uBrockie owathengwa kwiSuperSport ngezigidi zeerandi kudala ekufuna ukuhamba ngenxa yokunqatyelwa yimidlalo.

Ngoku uza kudlalela iMaritzburg United emva kokubolekiswa ngaye yiSundowns. Kucacile oko kwenzeke ngenxa yokunqaba kwamaqela ebenokumelana nemali ebethengiswa ngayo.

UBrockie uzenzele igama njengomnye wabadlali abaphambili eMzantsi Afrika kwicala lokufaka amagowuli esekwiSuperSport.

Ukufika kwakhe kwiTeam of Choice kwakuba luncedo kakhulu kuyo emva kokusinda ezembeni kwisizini egqithileyo.

“Liye lavela ithuba lokufumana uBrockie ngemboleko. Emva kokubonisana nomqeqeshi wethu, siye savana ukuba uBrockie ngumdlali ofunekayo kwiqela lethu,” utshilo uQuintin Jetto, umanejala weMaritzburg United kwincoko yakhe neKickOff.

“Bekungekho nzima kwaphela ukumfumana uBrockie ngoba omabini amaqela ebezimisele ukuthengiselana. UJeremy ufuna ukudlala, iSundowns ifuna adlale nathi siyamdinga umdlali onokufaka amagowuli. Naye umdlali uthe uyakufuna ukuza kuthi,” utshilo uJetto.

Abadlali abaliqela abafana noAubrey Ngoma, uLucky Mohomi, uJose noAli Meza ababhaliswanga yiSundowns. Kunokwenzeka bakhululwe ukuba akubangakho qela elifuna ukubathenga.