Ekugqibeleni, uJoseph Molangoane liKhosi!

UBobby Motaung noJoseph Molangoane eNaturena namhlanje.

Amakhosi abhengeze umdlali siswini uJoseph Molangoane namhlanje njengomdlali [wawo] omtsha kraca.

Oku kulandela imbambano ngesivumelwano sengqesho phakathi kukaMolangoane neqela ebekade elidlalela iChippa United – esithe sasonjululwa yikomiti ye-Absa Premier Soccer League esombulula iingxaki.

Isivumelwano sikaMolangoane neKaizer Chiefs seseminyaka emibini – lo nto ithethe ukuthi uza kuhlala eNaturena kude kufike u’2019.

“Kuluvuyo ukwazisa uJoseph Molangoane njengomdlali wethu, siyakwamkela.” Itshilo ingxelo ekhutshwe yiKaizer Chiefs kuTwitter namhlanje kwimizuzu embalwa ukusukela ngoku.

Ngaphandle kwamathandabuzo lo mazwi ayamxolisa uMolangoane oye wanyanzeleka ukuba alinde ixesha elide phambi kokungena eNaturena emva kokuba iChippa United yathi yambanga njengomdlali wayo.

UMolangoane ngomnye wabadlali abaphambili abancede iiChilli Boys kwisizini ka’2015/16 eziyivale kwindawo yesithandathu kwiPSL.

Ekupheleni kwesizini edlulileyo kwavakala iindaba ezithi lo mdlali ufuna ukuhamba ayokudlalela Amakhosi – kodwa yaxaba endleleni yakhe iChippa United kuba isithi watyikitya isivumelwano esitsha esimbophelelayo.

Walikhaba elo bango uMolangoane watsho esithi okutyikitywe kweso sivumelwano akubhalwanga nguye – kodwa kuye kwanyanzeleka aye kwikomiti esombulula iimbambano emva kokuba isigqibo sePSL sathi lo mdlali ngoweChippa United.

Lo mdlali uzakufikela kuWilliam Twala owayesuka kwiChilli Boys ekuqaleni kwalo nyaka.