Ekugqibeleni, uVilakazi liDawana!

Kugqityiwe ngoSibusiso Vilakazi! Ngoku ungumdlali weMamelodi Sundowns ngokusesikweni emva kwesibhengezo esenziwe yiBidvest Wits izolo. Yiminyaka emibini lo mdlali kusenziwa amaqashiso ngaye.

Umanejala wakhe uMike Makaab, wayibeka yacaca eyokuba lo mdlali ufuna ukuhamba kwiWits kwinyanga ephelileyo. Ngoko iKaizer Chiefs neSundowns yayingawo amaqela ayemfuna lo mdlali – kodwa umphathi weChiefs, uBobby Motaung, wazama wancama emva kokuba iWits yathi ifuna uGeorge Lebese noBernard Parker ukuze ifumane lo mdlalo. Lo nto wayitolika ngokuba iWits ayifuni kumthengisela.

UVilla ngoyena mdlali onegama elikhulu othengiweyo kwiPSL kweli xesha lokuthengwa kwabadlali phambi kwesizini entsha. Nayo iSundowns incedwe lungenelelo olwenziwe nguPatrice Motsepe othe wathetha ngqo nezikhulu zeWits. Ngokuhamba kukaVilakazi, iWits, ifumene abadlali ababini ababalulekileyo; uCuthbert Malajila [ifolosi] umdlali siswini uMogakolodi Ngele nemali engachazwanga ngaphezulu.

UPitso Mosimane wakhala ekuqaleni ngemali ezizigidi ezilishumi [R10-million] eyayifunwa yiWits ngomdlali wayo. “Sinovuyo ukwazisa ukuba iBidvest Wits neMamelodi Sundowns zivumelene ngokuthenga uSibusiso Vilakazi ngemali engazukuchazwa, nabadlali ababini uCuthbert Malajila noMogakolodi Ngele,” itshilo iWits kwingxelo eyikhuphe izolo.

Kwiveki ephelileyo, isithethi seMamelodi Sundowns, uThulani Thuswa, uxelele Isolezwe ukuba ukuya kukaVilla kwiDowns kubanjwe ngabadlali ababini – aba ibafumeneyo iWits. UVilakazi uyakwiSundowns ezintshatsheli zePSL 2015/16 emva kokuhlala kwiWits iminyaka esixhenxe yonke. Ngoku kulindeleke ancedise iSundowns kwinzame zayo zokukhusela indebe yePSL neTelkom Knockout kwisizini entsha eqala ekuthambekeni kwenyanga ezayo.

Ekuqaleni iWits yayifuna ukuthengisa uVilakazi kwiqela laseDenmark, iBrondby.