Ekunyamezeleni, uBulelani Jola ude wavuzwa!

UBulelani Jola ngusozoso ozibalule kwitumente yehlabathi ebibanjelwe eSouth Korea kwinyanga ephelileyo.

AmaXhosa anentetho ethi: ‘Ekunyamezeleni kukho umvuzo’. Ibali likaBulelani “Gifted Champ” Jola ligcwalisa ngokupheleleyo loo ntetha xa ubani ejonga uhambo lwakhe emdlalweni awazikhethela wona esemncinane.

UJola, 31, wangena kwicandelo loosozoso emva kokuboniswa nguThanduxolo Mphushi indlela ekwenziwa ngayo eselula kakhulu ngokweminyaka.

Njengokuba ukuphakamisa iintsimbi, ukwakha umzimba kude kubonakale izihlunu iyinto engaxhaphakanga eluntwini olumnyama, kodwa uGifted Champ waseMdantsane ngomnye wamadoda kwiphondo leMpuma Koloni awuphakamisileyo umdlalo woosozoso.

Izinto zange zimhambele kakuhle kwitumente yokuqala awathatha inxaxheba kuyo. Lo nto yamphazamisa emoyeni wakhe kodwa wazixelela okokuba uza kusebenza ngokuzimisela.

“Kwitumente yam yokuqala, ndabuya ndiphoxekile ngoba ndafumana indawo yesibini. Eyona nto eyandiphoxayo kukuba ndaya ndingayazi le nto kuthiwa kukungaphumeleli ebomini bam futhi ndandiyithanda kakhulu into endiyenzayo. Ndothuka xa ndibona izigantsontso eziyenzayo le nto yam. UMichael wandifaka ekhwapheni lakhe wathi uza kuqinisekisa ukuba ndingusozoso osakhulayo oqaqambileyo eMzantsi Afrika. Leyo yaba yinto endifuna ukuyenza ebomini bam,” utshilo uJola encokola neli phephandaba.

UGift Champ uthi uzamile kwiitumente eziphantsi kweNAC neNABA kwiminyaka egqithileyo, kodwa engqondweni yakhe kwakuhleli into yokufumana indawo kwiTop 6 ekhuphisana namadoda aphuma kwihlabathi.

Kunyaka ophelileyo, uJola uye waziva okokuba ukulungele ukubuyela eqongeni lehlabathi emva kokuqhuba kakuhle kwiitumene zalapha eMzantsi Afrika.

Kwinyanga ephelileyo, le ndodana yaseMdantsane intingele kwelaseSouth Korea inento enye engqondweni yayo: ukumela ilizwe layo ngcono kunangaphambili.

“Ndiye ndaziva ngo2018 ukuba ndikulungele ukumela uMzantsi Afrika ngokuba umgangatho wehlabathi bendiwazi. Ndawenza ke amalungiselelo ngokuphumeleleyo kwiitumente zalapha eMzantsi Afrika phambi kokuya eSouth Korea kwiveki yokugqibela kwinyanga ephelileyo. Ndiye ndizilungiselele eKorea, ndiye ndamangaliseka emva kokuqaphela ukuba wonke umntu ebezimisele. Bekunzima kodwa ndiye ndizilungiselele kakuhle kweli ityeli. Injongo yam ibikukuqinisekisa okokuba ndiyaphumelela. Noxa ndingafumananga indawo yokuqala, ibe ngathi ndiphumelele xa ndingomnye kwiTop 6,” utshilo uJola owamkelwe ngovuyo ngabantu bakowabo nabendawo ahlala kuyo eMdantsane.