‘Eli lithuba lethu lokuzakhela imbali’

UPeter Leeuwenburgh weCape Town City UMFANEKISO: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Isecicini lokuzenzela imbali entsha iCape Town City kwiisizini nje ezintathu yasekwayo nguJohn Comitis. Kunyaka ophelileyo, phantsi kwesandla sikaBenni McCarthy, iCitizens yoyiswa yiSuperSport United kumdlalo wokugqibela kwiMTN 8.

Nakulo unyaka, iqela likaMcCarthy liza kufumana ithuba elifanayo kumdlalo weMTN 8 wokugqibela xa liphinda emva kwendlu neSuperSport United (ebethe iKaizer Chiefs ngo’1-0) emva kokuguqisa phantsi iMamelodi Sundowns emdlalweni wokugqibela ngo’4-2 kumapenela eLucas Moripe Stadium kwiveki ephelileyo.

ICity yaphumelela ngo’1-0 kumdlalo wokuqala, yaze yaphumelela ngendlela efanayo neSundowns kowesibini. Yiyo lo nto umdlalo ugqityezelwe kumapenela. Umdlali oncede iCity ngunozinti uPeter Leeuwenburgh – othintele iipenela ezimbini zonke.

Lo nozinti ufike phambi kokuqala kwesizini entsha esuka kwilizwe laseDutch kwaye ungomnye wabadlali athembele kubo uMcCarthy. Imchulumancisile ke kambe impumelelo uLeeuwenburgh kwaye ubona ukudlala kumdlalo wokugqibela weMTN 8 njengethuba elihle leCity lokuzakhela imbali entsha ebholeni.

“Impumelelo yethu ithetha into enye: siza kuyithatha le indebe. Siliqela elisakhulayo, kubalulekile ke ngoko ukuba sizakhele imbali. Eli lithuba lethu lokuzakhela imbali. Size emdlalweni sizilungiselele. Amajita akhabe iipenela awenze lula umsebenzi wam,” utshilo uLeeuwenburgh ngethuba ethetha ngomdlalo weMTN kwiSuperSport TV.

Kanti yena uthe ukuphumelela kweqela lakhe kuzalwe kukuzithemba akutyale ezingqondweni zabadlali beqela lakhe phambi kokudlala neSundowns.

“Umdlalo ubunzima; abadlali bethu badlale kakuhle. Besidlala neSundowns ebinamandla futhi ebinamathuba ngaphezu kwethu. Into endiyithethileyo kubadlali yeyokuba mabadlale ngoba akukho nto eza kubalahlekela, kwaye singaliphumelela idabi,” utshilo uMcCarthy, othathe iCity wayibeka kumdlalo wamagqibela kankqoyi ityeli lesibini kwiMTN 8.

ICity iza kudlala neKaizer Chiefs kwiveki ezayo eCape Town Stadium. UBenni uthe uza kubanika ikhefu abadlali ukuze bahlaziye iingqondo zabo phambi kokudlala neChiefs kumdlalo wePSL.