ElikaMamkhize liquthiswe yiSwallows ngomzuzu wokugqibela emdlalweni wokuqala

UStrydom Wambi ufake igowuli ephumelele ngalo iSwallows FC ebethe iRoyal AM emdlalweni weDStv Premiership obuseDobsonville Stadium. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Nangona ilinde kwade kwangumzuzu wokugqibela, iSwallows FC ifake amanqaku amathathu engxoweni emva kokuba iquthise iRoyal AM ngo’1-0 emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eDobsonville Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. IziNyozi zaseDube, ezidlale ntanganye emidlalweni emininzi kakhulu kwisizini egqithileyo, zizibonakalisile ukuba zinamava ngethuba zithathela kuzo amanqaku amathathu abalulekileyo. Ligoduka liphaca iqela likaMamkhize obekhe wasematheni ixesha elide phambi kokufumanela iqela lakhe indawo kwiDStv Premiership. Igowuli ephumelele ngalo iSwallows lifakwe nguMbulelo Wambi emzuzwini wamashumi alithoba anesithathu. Umdlalo uqale kakuhle – kodwa siye saphela isiqingatha sokuqala kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini.

Akukho mathuba acacileyo adaliweyo ngamaqela omabini nangona iSwallows ibiyeyona esukelayo emdlalweni. Umgangatho womdlalo ufunqukile kwisigaba sesibini. Ekugqibeleni, iSwallows ikwazile ukubhakuzelisa umnatha yatsho yaphakathi kwamaqela avule isizini kakuhle. Iziphumo zeminye imidlalo: iPirates ibambene neStellenbosch ngo’2-2 emdlalweni obuse-Orlando Stadium. Yona iGolden Arrows ibethe iMaritzburg United ngo’2-1. iChippa United ibethe iSekhukhune United ngo’1-0. IBaroka FC ibethe iMarumo Gallants ngo’2-0. Yona iCape Town City ibambene ngeqanda neSuperSport United. Kanti iintshatsheli ezikhuselayo, iMamelodi Sundowns, zavula isizini ngokubetha AmaZulu ngo’1-0.