Emva kokubhukuleza emidlalweni ye-2018 FIFA World Cup, uNeymar uthetha ngokubethwa kweBrazil

Neymar of Brazil (C) reacts after the FIFA World Cup 2018 quarter final soccer match between Brazil and Belgium in Kazan, Russia, 06 July 2018. By: SERGEY DOLZHENKO / EPA

Sekuntsuku iBrazil
ikhutshwe ngomva yiBelgium ekelemileyo kwindebe yehlabathi engene kuvuthondaba.
Umdlali weParis Saint-Germain yaseFrance, uNeymar da Silva Santos Junior,
akakwazanga ukunceda ilizwe lakhe ityeli lesibini ngoku. Okokuqala woyisakala
ngo-2014, iFIFA World Cup idlalelwa elizweni lakhe – apho kwenzeke into efanayo
nakule isaqhubayo eRussia. Nakubeni indebe yehlabathi yalo nyaka ithande ukuba rhabaxa
kumazwe amakhulu ebholeni afana neGermany, iPortugal, Mexico
ne-Argentina – kodwa bekukho ithemba lokuba iBrazil iya kukwazi ukunyamezela
kude kube sekugqibeleni kuba inabadlali abasezingeni eliphezulu.

IBrazil yonzakiliswe
yiBelgium ngo’2-1 kumdlalo obunzima kakhulu ekuqaleni kwale veki. Ukubethwa kwayo
kulandela isinkxwe esenziwe ngabalandeli bebhola ngokubhukuleza kukaNeymar
abathi kubaxiwe xa ewiswe ngabanye abadlali ebaleni. Yinto leyo eyogqume
igowuli awalifakayo ngethuba iBrazil ibetha iMexico ngo’2-0. Lo mdlali ude
wathetha ngendlela aziva ngayo emva kokukhutshwa kweBrazil kwitumente
ebekucingwa okokuba ingayithatha ityeli lesixhenxe ngabantu abaninzi.

“Eli lelona
xesha libuhlungu kwikhono lam lebhola ekhatywayo. Eyona nto eyenza kube
buhlungu ngakumbi kukuba besisazi indawo esingafikelela kuyo futhi senze imbali
– kodwa akwenzekanga oko,” utshilo uNeymar kwikhasi lonxibelelwano ekuthiwa
ngu-Instagram.

“Kunzima
ukuba namandla okudlala ibhola emva kwento eyenzekileyo – kodwa ndiqinisekile
ukuba uThixo uya kusinika amandla okumelana nezinto zonke. Soze ndiyeka
ukumbulela uThixo nakubeni soyisiwe. Ndiyakonwabela ukuba yinxalenye yeli qela
kwaye ndiyaziqhenya,” utshilo uNeymar.