Emva kweminyaka, iSundowns ziintshatsheli zeMTN8 ezivunyiweyo!!

Abadlali beMamelodi Sundowns bebhiyozela impumelelo abayizuze emdlalweni weMTN8 obuseMoses Mabhida Stadium. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Namhlanje kuzalisekiwe amazwi athi: ‘Umzingisi akanashwa’, ngethuba iMamelodi Sundowns iphumelela indebe yeMTN8 okokuqala emva kweminyaka eliqela izama. Iqela lasePitoli liphumelele ngo’3-2 kumapenela eMoses Mabhida Stadium emva kwenqwaba yangafakwanga. Umdlalo wokugqibela weMTN8 walo nyaka obuphakathi kweSundowns neCape Town City ubusezingeni eliphezulu kakhulu kwaye kuye kwanyanzeleka abaqeqeshi bawakhuphe onke amaqhinga abanawo ukuze akwazi amaqela wabo ukuhlala emdlalweni imizuzu elikhulu namashumi amabini. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns ihamba phambili ngegowuli elinye eqandeni.

Abadlali beMamelodi Sundowns bebhiyozela igowuli labo elifakwe nguThapelo Morena emdlalweni weMTN8 obuseMoses Mabhida Stadium. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Oku kwenzeke emva kwebhola efakwe nguThapelo Morena – ofumene ibhola ebilungiswe kakuhle kuThabiso Kutumela. Phambi koko, iCape Town City ibinalo ithuba lokufaka igowuli – kodwa uThamsanqa Mkhize ukhethe ukuyikhabela phezulu kweepali. Isigaba sesibini siqale ngesantya esiphezulu ngokufanayo nesiqingatha sokuqala. Amasandawana azamile ukulikhusela igowuli lawo alifumene kwangoko kwisigaba sokuqala. Kwelinye icala, iCape Town City ibingxamele ukufumana igowuli lokulinganisa. Amandla ebuye inawo iCity kwisigaba sesibini ayamangalisa.

UThabo Nodada weCape Town City noThapelo Morena weMamelodi Sundowns emdlalweni weMTN8 Cup obuseMoses Mabhida Stadium. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ukufumana kwayo igowuli elifakwe nguFagrie Lakay khange kothuse ngoba ibidlala umdlalo ongcono kuneSundowns. Imizuzu engamashumi alithoba iphelile umdlalo ingu’1-1 ebhodini. Kuyiwe kwixesha elongezelelweyo, nalapho akwabikho qela elikwaziyo ukuphumelela. Kuye kwanyanzeleka kukhatywe amapenela ukuze iphumelele iSundowns. Okuthe kwadala ingxoxo kumakhasi onxibelelwano ibe kukuphoswa kwamapenela ngabadlali. UDenis Onyango uye waliqhawe leDowns ngenxa yokuvala amapenela amahlanu wonke emdlalweni. Ibikokokuqala iSundowns iphakamisa indebe yeMTN8 emva kweminyaka emininzi iyizama.

Cape Town City: Hugo, Mkhize, Fasika, Fielies, Dove, Mokeke, Nodada, Mdantsane, Ralani, Martin, Lakay.

Amalalela: Mpandle, Mashego, Cupido, Makola, Morris, Ajagun, Mokhouane, Roberts, Mayo.

Mamelodi Sundowns: D.Onyango, Coetzee, Lebusa, Mudau, Lakay, Morena, G.Kekana, Jali, Kutumela, Zwane, Shalulile.

Amalalela: Mweene, De Reuck, Modiba, Domingo, Mkhulise, Erasmus, Maema, Vilakazi, Safranko.