Erasmus ufuna umsebenzi ococekileyo

UMakazole Mapimpi ngethuba edlala emdlalweni obuphakathi koMzantsi Afrika neNamibia kwiveki ephelileyo

Umqeqeshi waMabhokobhoko, uRassie Erasmus, wenze iinguqu ezintathu phambi komdlalo wangomso (Lwesihlanu).

Amabhokobhoko azakube ekhangela impumelelo yawo yesibini xa edibana ne-Italy emdlalweni weNdebe yeHlabathi ngentsimbi yeshumi elinambini emin’ emaqanda.

Nakubeni kulindeleke anyuke umnqantsa nje amakhwenkwe kaErasmus xa edlala ne-Italy – kodwa aya kuwo ekhuthazekile emva kokubethela oogqirha nezicaka iNamibia ngo’57-3 emdlalweni obubanjelwe kwisixeko saseToyota, eJapan, kwiveki ephelileyo.

URassie ugqibe kwelokuba abuyise iziqwayi zakhe zabadlali abanamava ngenxa yokubaluleka kumdlalo emva komhlaba obusihla kwiveki ephelileyo.

Abadlali abafana nokapteni uSiya Kolisi, uBongi Mbonambi noTendai Mtawarira baza kuqala umdlalo ngomso.

Injongo ka-Erasmus kukuqinisekisa okokuba iqela lesizwe loMzantsi Afrika lifumana indawo yalo xa kufika ixesha lokuba imidlalo yeNdebe yeHlabathi iye kwisigaba esilandelayo.

“Umdlalo osiya kuwo kulawulwa ngabadlali baphambili.

Kungoko ke sifuna ukuqinisekisa nathi okokuba siwulungele ngokupheleleyo umlo.

Eyona nto eza kuba nzima iphaya phambili – anditsho kuba sinabadlali esingabathembanga emva.

Ubaluleke kakhulu kuthi umdlalo ozayo kwaye kuza kufiwa kuwo.

Sizimisele ukwenza nokuba yintoni eyakuthi isinike impumelelo emdlalweni.

Siza kwenza njalo ngoba sifuna ukuya kumjikelo olandelayo wetumente yehlabathi,” utshilo uErasmus ngethuba ethetha neentatheli ekuqaleni kwale veki kwelaseJapan.

Nangona kubonakala ukuba likhona ixhala kwinkampi yamaBhokobhoko ngenxa yendlela edlala ngayo i-Italy – kodwa uErasmus uthi abadlali bakhe bakulungele ukuqubisana nayo nayiphi na into enokwenzeka emdlalweni.

“Abantu banokucinga ukuba senza nje xa senza iinguqu ezimbi emva, injongo yethu kukuqinisekisa okokuba siya edabini sinezixhobo ezaneleyo.

Sinabadlali abangamashumi amabini anesithathu ekulindeleke badlale emidlalweni nanini na,” utshilo uErasmus.

Umqeqeshi uza kuchulumanciswa bubukho bukaJesse Kriel owonzakele emdlalweni uMzantsi Afrika obethwe kuwo yiNew Zealand ngo’23-13.

Abaqala umdlalo: Willie le Roux, Cheslin Kolbe, Lukhanyo Am, Damian de Allende, Makazole Mapimpi, Handre Pollard, Faf de Klerk, Duane Vermeulen, Pieter-Steph du Toit, Siya Kolisi, Lood de Jager, Eben Etzebeth, Frans Malherbe, Bongi Mbonambi, Tendai Mtawarira.

Amalalela: Malcolm Marx, Steven Kitshoff, Vincent Koch, RG Snyman, Franco Mostert, Francois Louw, Herchel Jantjies, Frans Steyn.