Eric Tinkler: Ayikho imidlalo elula kwiPSL!

Eric Tinkler, head coach of Supersport United during the Absa Premiership 2017/18 football match between Ajax Cape Town and SuperSport United at Athlone Stadium, Cape Town on 28 February 2018 ©Chris Ricco/BackpagePix

Umqeqeshi weChippa United, u-Eric Tinkler, uthi ayikho imidlalo elula kwi-Absa Premier Soccer
League. IChilli Boys zizakube zikhangela impumelelo yazo yokuqala kule sizi
kumdlalo wazo neBaroka FC ngenjikalanga ngoMgqibelo ngentsimbi yesithathu,
eSisa Dukashe Stadium, eMdantsane. UTinkler uthi beliqela basebenze kakhulu belungisa
abadlali bangasemva akholelwa ukuba iingxaki ezininzi zibangelwa kukungadlali
kakuhle kwabo. “Kwezi veki zimbini ezidlulileyo
sicithe ixesha elininzi silungisa indlela esikhusela ngayo. Imidlalo emininzi
esiphulukene nayo yenziwe kukungabikho luqilima kwedonga lethu langasemva,”
utshilo uTinkler.

Le ndedeba ithi ukungavumeli ukungena kwamagowuli kuko okuza
kubabangela bangaphulukani nemidlalo. “Kwimidlalo yethu edlulileyo belingekho
luqilima udonga lwethu. Bekulula kwamanye amaqela ukufaka amagowuli xa edlala
nathi. Nakula mdlalo wethu neSupersport, sabethwa yilo nto. Ukuba amaqela awakwazi
kufaka amagowuli xa equbisene nathi, asinakubethwa emidlalweni,” utshilo
uTinkler.

OkaTinkler ukholelwa ukuba
akukho midlalo ilula kwiPSL. “IBaroka liqela elinobuzaza kakhulu. Uza kubanzima
umdlalo ngoMgqibelo. Awukho umdlalo olula kwiPSL, onke amanqela alwela ukufumana
amanqaku,” utshilo uTinkler.

UTinkler ukholelwa
kwelokuba iifolosi zakhe kuza kufuneka zifunde ukulwela ibhola xa ziphulukene
nayo. “Neefolosi zethu kufuneka zincedise xa silahle ibhola ngoba udonga luqala
kwiifolosi. Kufuneka bafunde ukuncedisana abadlali xa bephulukane nebhola. Ndifuna
xa sihlasela sihlasele sonke, naxa sikhusela kufuneka sifunde ukukhusela
sonke,” utshilo uTinkler.

Lo mqeqeshi ongene
endaweni kaDan Malesela uhlabe ikhwelo kubalandeli bebhola ekhatywayo baseMonti
ngelithi mabaphume ngobuninzi babo ukuyoxhasa amakhwenkwe wakhe. “Kubalulekile
ukudlala phambi kwabalandeli abaninzi  noba bayakuchasa noba bayakuxhasa. Ndicela
baphume ngobuninzi babo abalandeli bazoxhasa iqela lethu. Ibaluleke kakhulu inkxaso
yabo,” utshilo uTinkler.

IChilli Boyz zisemsileni
kwiPSL; kwimidlalo emine, zidlale ngokulingana komnye zabethwa kwemithathu. IBaroka
FC iphumelele umdlalo wamnye kwemihlanu, yabethwa kwemibini, kweminye emibini idlale
ngokulingana.