Ernst Middendorp: Masibambisane, sisuse ilishwa eNaturena

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uErnst Middendorp, uqinisekile ukuba iqela lakhe liza kuyibetha iTS Galaxy ngoMgqibelo kodwa ucela inkxaso yabalandeliUmfanekiso: Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uErnst Middendorp, uthi ngeke awuyeke umsebenzi wakhe nokuba iqela lakhe aliqhubanga kakuhle emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup.

Amakhosi aza kudibana neTS Galaxy, edlala kwaNational First Division, emdlalweni oza kube useMoses Mabhida Stadium, eThekwini, ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngoMgqibelo.

Eli lithuba elihle leChiefs lokuphumelela indebe emva kwendlala yeminyaka emine.

Nangona uMiddendorp efike phakathi kwisizini ephelileyo kodwa ukungafumani kweChiefs indawo kwiTop 8 kungamenza angquzulane nabalandeli.

UMiddendorp ubuyele kwiChiefs ekupheleni kuka2018 emva kokugxothwa kukaGiovanni Solinas waseItaly ngenxa yeziphumo ezazingancumisi.

Ngethuba beziqeqesha abadlali eNaturena, imo yonxunguphalo ibibhalwe ebusweni.

Bekungekho kwanto ebonakalisa ulonwabo kubo.

UMiddendorp wanikwa uxanduva lokuvuselela iChiefs nangona ejongene nengxaki yokungathenjwa nokungathandwa ncam ngabalandeli.

Ethetha neentatheli eNaturena, okaMiddendorp uthe ayikho engqondweni eyokulahla emsebenzini nokuba iqela aliphumelelanga ngoMgqibelo.

“Ndinesivumelwano seminyaka apha futhi siza kuyithatha indebe.

Yilo nto esiyifunayo. Into endingazukuyenza kukuzikhathaza ngento eza kwenzela xa izinto zingasihambelanga kakuhle. Leyo asinto endingayiphendula,” utshilo uMiddendorp. Uxinizelelo kwiChiefs longezwa kukuba ingazukwazi ukuthatha inxaxheba kwiMTN 8 yesizini ezayo (2019/20).

UMiddendorp ubotyoze umnqwazi phambi kwabalandeli ngelithi mabamanyane ukuze kupheliswe ilishwa eNaturena.

“Ukuba umntu ungumlandeli weChiefs nyhani, siyamdinga.

Sifuna wonke umntu futhi masibambisane ukuze sisuse ilishwa eNaturena. Makuxhaswe iqela, kuxhaswe abadlali ngoMgqibelo futhi ndiqinisekile bayayazi lo nto,” utshilo uMiddendorp.

Nangona iChiefs ifikelele kwisigaba sokugqibela kwiNedbank kodwa inelishwa lokungaqhubi kakuhle xa idlala namaqela amancinci.

Umnikazi weGalaxy, uTim Sukazi, uxelele iSABC kule veki okokuba ufuna iqela lenze imbali ngokubetha iChiefs nangokuba liqela lokuqala eliphumelele iNedbank Cup likwaNFD.