Iindaba eziphuma kwinkampu ye-Orlando Pirates zithi umqeqeshi uMuhsin Ertugral uthi iqela lakhe lakube liyilungele isizini entsha ye-Absa Premier Soccer League xa ivulwa kwiveki ezayo.
Oku ukuthethe emva kokuba eZimnyama zibethe iPlatinum Stars kwitumente yeMaize Cup ebidlalelwa eMoruleng Stadium.
Kuyiwe kumapenela emva kokuba amaqela omabini edlale ntanganye emdlalweni.
Nangona iPirates ingakwazanga ukuphumelela gqathu kwimidlalo emithathu yokuzilungiselela phambi kwesizini entsha – u-Ertugral uthi izinto ziza kakuhle noko kwiqela lakhe.
Kumdlalo wempelaveki edlulileyo, uMuhsin Ertugral, ufake abadlali abaliqela abafikayo. Injongo yekwenza oko ibikukubanika ithuba lokudlala ukuze akwazi ukubabona emdlalweni.
“Ndicinga ukuba izinto ziyaqala ukuyondelelana ngoku. Ndingatsho ukuthi njengokuba sisondela kwisizini entsha, iyakufika noko siyilungele. Ziliqela izinto esiye sazijonga futhi ziyathembisa,” utshilo u-Ertugral kwiintatheli.
Unozinti wePirates, uFelipe Ovono, uzenzele igama kumdlalo wempelaveki edlulileyo – kangangokuba ngoku ususiwe kuluhlu lwabadlali abathengiswayo.
Iingxelo zithi iBucs igqibe kwelokuba imgcine lo mdlali. Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, u-Ovono, ebengomnye wabadlali abathengiswayo.
Umsebenzi oncomekayo awenze ngethuba iPirates iphumelela iMaizer Cup eMoruleng Stadium kutshintshe ingqondo ka-Ertugral.
AmaBhakabhaka avula isizini entsha yePremier Soccer League neGolden Arrows.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates