Ertugral: Ndiqinisekile, uLebusa uza kuqhuba kakuhle kwiSundowns

Mosa Lebusa of Ajax Cape Town during the Absa Premiership 2017/18 football match between Ajax Cape Town and SuperSport United at Athlone Stadium, Cape Town on 28 February 2018 ©Chris Ricco/BackpagePix

Omva kokuba
i-Ajax Cape Town
ithotyiselwe kwinqanaba elingezantsi, abadlali bayo abaninzi bakhethe
ukukhangela amadlelo aluhlaza kumaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League. Umdlali
wasemva ebithembele ngaye, uMosa Lebusa, ubhengezwe njengomdlali weMamelodi
Sundowns ngokusesikweni kule veki. Amaqela amakhulu afana neKaizer Chiefs
ne-Orlando Pirates ebemfuna kakhulu lo mdlali – kodwa yiDowns ekwazileyo
ukumfumana ekugqibeleni. Umqeqeshi obelibambela kwiChiefs, uPatrick Mabedi,
uxelele iintatheli kwiveki edlulileyo ukuba ngokwenene iqela lakhe linomdla
kuLebusa.

Umqeqeshi we-Ajax,
uMuhsin Ertugral, uxelele i-Independent ukuba uLebusa uya kwiSundowns esele
imamkele njengomdlali wayo. “ULebusa uyalishiya iqela lethu. Uya kwiSundowns
emva kokwenza umsebenzi omhle kakhulu kuthi. Ndiqinisekile naphaya, uza kuqhuba
kakuhle,” utshilo u-Ertugral.

ULebusa
(25) kulindeleke ukuba akhuphisane noTebogo Langerman osetyenziswa kakhulu
nguPitso Mosimane noLyle Lakay osuka kwiCape
Town City
. N
akubeni kuqinisekisiwe
ukuhlala kukaMuhsin Ertugral kwiAjax kwisizini entsha ezakube idlala kuyo
kwaNational First Division – kodwa uthe ukuba kukho into evelayo, akanokutsho
ukuba akangeyithathi. “UMzantsi Afrika uyalidinga iqela elifana ne-Ajax
ebholeni; ibe lilishwa into yeengxaki ezingasunjululwanga msinyane. Ikhona into
engathi ingavela eTurkey naseSaudi Arabia.
Ukuba kukho iqela elindifunayo, ndiza kuyiqwalasela lo nto ngelo xesha. Kodwa
ke okwangoku, ingqondo yam isencedeni iAjax. Andikwazi ukuyishiya ikule meko.
Sakha iqela labadlali abaphakathi kweminyaka elishumi elinethoba namashumi
amabini,” utshilo uErtugral.