Ertugral: Siphise ngawo umdlalo

Akonwabanga umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMuhsin Ertugral, emva kokuba iqela lakhe linikezele ngomzuzu wokugqibela kumdlalo wangoLwesibini.

Amabhakaniya abambene nePlatinum Stars ngo’1-1 kumdlalo wePSL e-Orlando Stadium. NguThabiso Kutumela, obekade edlalela iDikwena, ofake igowuli leBucs, elokulinganisa lifakwe nguThobani Kunene ongene kwisiqingatha sesibini somdlalo. Nangona * -Ertugral ethe abadlali bakhe badlale kakuhle – kodwa utshilo ukuba baphise ngawo umdlalo. UCollins Mbesuma ufumene igowuli lakhe lekhulu kwiPSL ngethuba iHighlands Park idlala ngo’1-1 neCape Town City. Yona iMaritzburg United ibethwe yiPolokwane City ngo’1-0. Ngumdlalo wesithathu lo iTeam of Choice ebethwe kuwo.