EsamNgqumshe: Ndifuna ukudlalela iqela lesizwe!

Umdlali webhola ekhatywayo, uEsam Ngqumshe, nomqeqeshi wakhe omtsha we-Ayakha Stars. Umfanekiso: Uthunyelwe.

Ngethuba iqala ukudlala ibhola ezitalatweni intwazana yaseMandela, eMthatha, zange icinga ukuba ngenye imini iza kudlala ibhola kwinqanaba eliphezulu. Oku kwenzeke kuEsam Ngqumshe, 12, odlalela iqela elikwiSafa Sasol Women’s League ekudlala kuyo amaqela ephondo leMpuma Koloni. UNgqumshe, oyifolosi eyingozi phambi kweepali, uthathwe liqela lebhola ekhatywayo ekuthiwa yi-Ayakha Stars emva kokuziqaqambisa kwakhe kwiJubase Academy – eyasungulwa nguHoseya Jubase kwiminyaka egqithileyo eMandela. Yifolosi eza kunceda uMzantsi Afrika ngenye imini uNgqumshe ukuba uqhubela phambili nendlela adlala ngayo. “Kumnandi ukudlala ibhola ekhatywayo,” utshilo uNgqumshe, ngokukhulu ukuzithemba ethetha neli phephandaba.

“Ndiqale ukudlala ibhola esitalatweni apha eMandela phambi kokuya kwiJubase Academy. Kundivuyise kakhulu ukuthathwa yi-Ayakha Stars ngoba bendingazazi ukuba ndakude ndifike kwinqanaba endikulo. Ndamkelwe kakuhle kuyo kwaye nomqeqeshi uthi ufuna ukundibona ndiphumelele,” utshilo uNgqumshe. Kule sizini, uNgqumshe uthi sele efake amagowuli amane emidlalweni emihlanu. Ngumsebenzi omhle kakhulu lowo kwaye uyamkhuthaza ngoba ufuna ukudlalela iqela lesizwe. “Ndifuna ukudlalela aBanyana Banyana ebomini bam,” utshilo uNgqumshe, owothuse abantu abaninzi kuquka nomama wakhe. Inkqubela eyenziwe yile ntwazana efunda uGrade 6, eSiyalakha Christian School, izise uvuyo emzini wakwaNgqumshe.

“Ewe, umntana wam uyayidlala ibhola. Abantu abaninzi bathi uyidlala ngathi yinkwenkwe. Le yokuba uyintombazana abayithembi ncam. Kuyandivuyisa ukudlala kwakhe ibhola ngoba bendikade ndisithi yinto nje yasesitalatweni. Sothukile xa enyukela kwizinga eliphezulu,” utshilo umama wakhe, uNosipho Ngqumshe. Ukuntshula kwabadlali abanetalenye abafana no-Esam kunika ithemba ebholeni yaseMzantsi Afrika yamanenekazi kwaye kumnandi ngoba ngoku kukho iHollywoodbets Super League eza kubalungiselela imidlalo yehlabathi. Umqeqeshi we-Ayakha Stars, u-Ayakha Gqoboka, uthi u-Esam ngumdlali onesiphiwo sokudlala ibhola futhi uzimisele. “Izinto endimfundisa zona zizinto ezibalulekileyo ebholeni,” utshilo uGqoboka.