‘Esi sisiqalo sezinto ezinkulu’ – Hunt

Umqeqeshi weBidvest Wits uGavin Hunt umfanekiso: Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Omnye wabaqeqeshi abaqaqambileyo kwibhola ekhatywayo eMzantsi, uGavin Hunt, usabhiyozela impumelelo yeqela lakhe eliyizuze kwiveki ephelileyo – kodwa kwangaxeshanye uthi kuninzi okuzayo kwiBidvest Wits.

Le ndedeba yakwaHunt izuze indebe yayo yokuqala njengomqeqeshi weWits emva kokuba iqela layo libethe iMamelodi Sundowns ngo’3-0 othuleyo kumdlalo weMTN8 Cup eMbombela Stadium kutshanje.

Amagowuli amabini kulo mdlalo afakwa sisiququ, uDaine Klate, elinye lafakwa ngu-Eleazar Rodgers. Nangona uGavin Hunt efike kwiWits ekuqhelile ukuphumelela iindebe – kodwa ukubetha iSundowns eziintshatsheli zePSL, Telkom Knockout ekwadlala kwiCaf Champions League – kuliphakamise ngakumbi igama lakhe ebholeni.

Ukuphumelela kwayo iWits akubothusanga abantu emva kokubetha i-Orlando Pirates neCape Town City phambi kwalo weDowns. Ngoku uHunt ugxeleshe eyona nto inkulu: indebe yePSL. Lo ngoyena ndoqo kwibhola eMzantsi Afrika.

“Iqela lonke lidlale ngendlela encomekayo kakhulu. Kuninzi okulindelekileyo kweli qela, esi sisiqalo,” utshilo uHunt.

Ijoni likaGavin Hunt elithembekileyo nguDaine Klate. UKlate ngomnye wabadlali abakrelekrele kwiPSL futhi onamava – lo mava ayincedile iWits kakhulu. Ikwanguye oqinisekise ukuwa kweSundowns, eMbombela Stadium, ngokuthi afake amagowuli amabini – kodwa noko kunjalo uncoma umqeqeshi wakhe ngokwenzekileyo.

“Umntu ofanelwe kukunconywa ngumqeqeshi. Umdlalo sawudlala ngaphandle kwexhala ngenxa yakhe. Ngamaxesha onke usoloko esinika imiyalelo echanekileyo phambi kokudlala. Ndiyavuya njengokuba ndinegalelo kwimpumelelo yeli qela,” watsho uKlate emva komdlalo.

Ukapteni weWits, uThulani Hlatshwayo, ubaqhwabele izandla oogxa bakhe ngokusebenza kakuhle kwiveki ephelileyo. “Sadlala kakuhle kakhulu ngala mhla, impumelelo yayisifanele,” watsho uHlatshwayo.