EzikaDa Gama zingonjwe yiJapan

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika labaminyaka ingaphantsi kwamashumi amabini anesithathu livuthululwe ngamagowuli amane kwelinye yiJapan, kumdlalo wobuhlobo ubudlalelwa eMatsumoto izolo.

Umdlali siswini we-Orlando Pirates uGift Motupa ufake ipenela phambi kokuba kuyiwe ekhefini, emva kokuba umdlali weJapan ebambe ibhola ebhokisini. Kudlule imizuzu elishumi elinesihlanu kuphela, iJapan yabe sele iziphendulele ngamagowuli amathathu. Igowuli lesine lifakwe emva kokuba kubuywe ekhefini.

Umqeqeshi * -Owen Da Gama ebesebenzisa lo mdlalo nje- ngenxalenye yamalungiselelo emidlalo ye-Olimpiki eRio. Aba badlali beze kulo mdlalo emva kwempumelelo yeCOSAFA Cup yeqela lesizwe, iBafana Bafana, kwimpelaveki esisuka kuyo.

Eyona nto kungenzeka ukuba ibethise eli qela ngabadlali abatsha abagqibele kudala ukudlala. UJody February nguye obengunozinti endaweni kaReyaad Pieterse odlale imidlalo emininzi yeCOSAFA.