EzikaFaro zimgxothile umqeqeshi emva kokubethwa nguMzantsi Afrika

Coach Stuart Baxter (l) embraces Thembinkosi Lorch as Bongani Zungu (r) smiles in celebration during the 2019 Africa Cup of Nations Finals Last 16 football match between Egypt and South Africa at the Cairo International Stadium, Cairo, Egypt on 06 July 2019 ©Gavin Barker/BackpagePix

Ukubetha
iEgypt kokwayo, yeyona nto yakhe yankulu eyenziwe nguMzantsi Afrika kwitumente
ye-Afrika. ABafana Bafana babethe ezikaFaro ngewoli elinye eqandeni emdlalweni
obutak’ iintlantsi eCairo Stadium izolo ebusuku. Abalandeli bebhola abangaphaya
kwamashumi asixhenxe abebegcwalise iCairo Stadium bavalwe umlo ligowuli
elifakwe nguLorch emzuzwini wamashumi asibhozo anesihlanu emva kokunikelwa
ibhola entle nguLebo Mothiba. Ukuphumelela koMzantsi Afrika konwabise abantu
abaninzi emva kokubethwa emidlalweni emibini. Phantse wonke umntu ebecinga
ukuba iEgypt iza kuzihambela kuMzantsi Afrika kuba inabadlali abaziwayo abafana
noMohamed Salah. Ukubethelwa kweYuphutha ebaleni lawo isingathe itumente enkulu
ibe yinto embi kakhulu kwaye kukhokelele ekugxothweni komqeqeshi kwatsho
kwayeka namagosha aphezulu kwisigqeba esilawula ibhola kwela lizwe.

Umqeqeshi waseMexico,
uJavier Aguirre, ukhonjwe emnyango ngoba ukuphuma kweEgypt kwi-Afcon kubonakele
njengento engamkelekanga kwaphela. Naye umongameli we-Egyptian Football
Association, uHany Abou-Rida, ubeke phantsi emva kwakhe kwalandela namanye
amagosa. “Ukubethwa kweqela ndikuxhoma emagxeni wam. Umdlalo ububambene futhi
ebekhona amathuba wokuphumelela macala. UMzantsi Afrika ufake igowuli watsho
waphumelela. Yinto yasebholeni keleyo. Ndingatsho ukuthi uMzantsi udlale
kakuhle emva,” utshilo uJavier Aguirre emva komdlalo izolo. UStuart Baxter,
ozenzela igama ngokubetha amazwe amakhulu njengomqeqeshi waBafana Bafana, uvuye
kakhulu emva kokuphumelela kweqela lakhe izolo.

“Indlela
abadlale ngayo abadlali bam indenze ndazingca kwaye indlela endikhethe ngayo
iya ndonwabisa. Andazi nokuba kuya kwenzeka ntoni na kum njengomqeqeshi. Sonke
besikhathazekile kukungaqhubi kakuhle kweqela – kodwa ke ityala likum ngoba
ndim okhetha abadlali. Abadlali bethu bebenesibindi izolo kwaye badlale umdlalo
ophucukileyo. Asidlalanga kakuhle emidlalweni yokuqala – kodwa kukhona
ukuphucuka okubonakalayo emdlalweni wethu. Ndiyathemba abalandeli beYiphutha
abakhubekanga kakhulu. Ndifuna ukubacela ukuba basixhase emidlalweni yethu
ezayo,” utshilo uBaxter emva komdlalo. UThebinkosi Lorch uye wachongwa
njengomdlali obalaseleyo emdlalweni wakhe wokuqala we-Afcon. “Umdlalo ubunzima.
Sidlale kakuhle safaka negowuli. Ndicinga ukuba besikufanele ukuphumelela
umdlalo nokuya kumjikelo olandelayo,” utshilo uLorch.